26 Zonke iintlanga zabantu wazidala zaphuma mlibeni mnye, wazenza ukuba ziwume wonke umhlaba. Yena ngokwakhe kwangaphambili wazimisela amaxesha obomi, kunye nemida yokuhlala kwazo.
27 Oku wakwenza ukuze zihlale zimzingela, hleze zimphuthaphuthe de zimfumane; nangona yena uThixo engekude kuthi sonke,
28 kuba kungaye sikho nje, sisuka-suka, siphilile. Kunjengoko zitshoyo ezinye zeembongi zenu ukuthi: ‘Nathi siyinzala yakhe.’
29 Singabantwana bakhe nje ke, masingacingi ukuba imo kaThixo ifana nento eqingqwe ngegolide, ngesiliva, okanye ngelitye, ngobugcisa bomntu.
30 UThixo wayewayeke ngabom loo maxesha apho abantu babengazi. Kungokunje uyalela abantu bonke, ezindaweni zonke, ukuba baguquke ezindleleni zabo ezimbi.
31 Kaloku uwumisele umhla apho aya kuligweba ihlabathi lonke liphela ngobulungisa, ngeNdoda ayimiseleyo. Le nto uyingqine kubantu bonke ngokuyivusa loo Ndoda ekufeni.”
32 Bathi bakumva uPawulos ethetha ngovuko lwabafileyo, bahlekisa ngaye. Bambi bathi: “Sisafuna ukuyiva kwakhona le ntetho yakho.”