15 Kodwa ke ngenxa yokuba lo mbandela uphathelele kumazwi, namagama, nomthetho wenu, ziboneleni nina ukuba ningawulungisa njani na. Mna andinakugweba izinto ezinjalo.”
16 Waza ke wabakhupha apho enkundleni.
17 Bahlasela uSosteno igosa lendlu yesikhungo, bambethela apho phambi kwenkundla. Kodwa yena uGaliyo zange azikhathaze ngaloo nto.
18 UPawulos wahlala apho eKorinte ixesha elide, waza ke wanduluka apho ngesikhephe enoPrisila noAkwila, basinga eSiriya. Wathi xa aseKenkreya wacheba intloko yakhe, kuba wayenze isifungo.
19 Bakufika e-Efese, uPawulos wabashiya ooPrisila noAkwila, waya endlwini yesikhungo, waxoxa khona namaJuda.
20 Babemcela ukuba ahlale nabo ixesha elide, kodwa akavuma.
21 Wasuka wathi xa ahambayo: “Ukuba ngaba kuyintando kaThixo ukuba ndibuye, ndobuya ndibuye.” Waza ke wemka e-Efese.