27 Ilapha ke ingozi, kule ndawo yokuba ushishino olu lwethu lufumane igama elibi. Kanti asikokuphela kwaloo nto, ikwakho nale ndawo yokuba nendlu yesithixokazi uArtemis ayiyi kwazelwa nto, ukanti nesidima sesithixokazi saseAsiya – nditsho esinqulwa lihlabathi liphela – siya kuphanza.”
28 Iwaphulaphule la mazwi indimbane leyo, yakhathazeka kakhulu, yadanduluka yathi: “Mkhulu uArtemis wamaEfese!”
29 Le ntshukumo yatyhutyha yonke idolophu. Bahlasela uGayo noAristarko baseMakedoni ababehamba kunye noPawulos, babaqweqwedisela kwiqonga lemidlalo.
30 UPawulos wafuna ukungena phakathi kwesihlwele eso, ukuze athethe naso, kodwa amakholwa akamvumelanga.
31 Abathile kumagosa ephondo laseAsiya, ababenobuhlobo noPawulos, nabo bamthumela umyalezo, bemcebisa ukuba angayi phaya eqongeni lemidlalo.
32 Kwangeli xesha ke intlanganiso xa iyonke yayisisiphithi-phithi nje. Kaloku abanye babekhwaza bethetha le, bambi bekhwaza bethetha leya; kuba kaloku uninzi lwaluhamba nje nezihlwele, lungazi nokuba indibano le yeyantoni na.
33 Abanye abantu bamchazela ngale nto yenzekayo uAlesandire, kuba amaJuda ayegqatse yena phambili. UAlesandire wawangawangisa ngesandla ukuba kuthi cwaka, efuna ukulamla.