10 eFrigi nasePamfili, naseJiputa nabemimandla yaseLibhiya engaseKirene, nabahambi abavela eRoma.
11 SingamaJuda nabangeni buJudeni, amaKrete nama-Arabhu. Siyabeva beyithetha ngeelwimi zethu imisebenzi yamandla kaThixo.”
12 Bethe nqa ke bexakiwe, babuzana bathi: “Awu! Ngaba ithetha ntoni le nto?”
13 Abanye baphoxisa ngabo, bathi: “À, suka! Banxilile!”
14 Waphakama uPetros, wabhekisa ebantwini, ethetha egameni labafundi abalishumi elinambini, wathi: “Mawethu, maJuda, nani nonke bemi baseJerusalem, phulaphulani nibeke iindlebe, nantsi indawo emaniyiqonde:
15 La madoda akanxilanga njengoko niba kunjalo nina, kuba kusekusasa ngentlazane,
16 koko le nto yenzekayo yileya yaxelwa *ngumshumayeli uJoweli esithi: