4 Safika kukho amakholwa apho, saya kuhlala nawo iveki yonke. Ngokutyhilelwa nguMoya oyiNgcwele athi uPawulos makangayi eJerusalem.
5 Kodwa lakufika ixesha lokumka, sayihamba indlela yethu. Basikhapha sada sangaphandle kwedolophu, bekunye nabafazi kwanabantwana babo. Saguqa elunxwemeni apho, sathandaza.
6 Sahlukana ke, thina sangena enqanaweni, bona bagoduka.
7 Ukusuka kwethu eTire, sahamba sada saya kufika eTolimayi. Apho sadibana namakholwa, sahlala nawo imini yonke.
8 Kwakusa salishiya elo, saya kungena eKhesariya. Apho safikela emzini womvakalisi weendaba ezimnandi uFilipu, omnye walaa madoda asixhenxe awanyulwa eJerusalem.
9 Wayeneentombi ezine ezingendanga ezaziluvakalisa udaba lweNkosi.
10 Kuthe sekuntsuku silapho, kwafika umvakalisi-daba onguAgabho, evela kwaJuda.