5 Kodwa lakufika ixesha lokumka, sayihamba indlela yethu. Basikhapha sada sangaphandle kwedolophu, bekunye nabafazi kwanabantwana babo. Saguqa elunxwemeni apho, sathandaza.
6 Sahlukana ke, thina sangena enqanaweni, bona bagoduka.
7 Ukusuka kwethu eTire, sahamba sada saya kufika eTolimayi. Apho sadibana namakholwa, sahlala nawo imini yonke.
8 Kwakusa salishiya elo, saya kungena eKhesariya. Apho safikela emzini womvakalisi weendaba ezimnandi uFilipu, omnye walaa madoda asixhenxe awanyulwa eJerusalem.
9 Wayeneentombi ezine ezingendanga ezaziluvakalisa udaba lweNkosi.
10 Kuthe sekuntsuku silapho, kwafika umvakalisi-daba onguAgabho, evela kwaJuda.
11 Ufike wathatha ibhanti kaPawulos, wazibopha ngayo iinyawo nezandla, wathi: “Uthi uMoya oyiNgcwele: ‘Umnini wale bhanti uya kubotshwa enjiwenje ngamaJuda eJerusalem, yaye aya kumnikela ezintlangeni.’ ”