7 Ukusuka kwethu eTire, sahamba sada saya kufika eTolimayi. Apho sadibana namakholwa, sahlala nawo imini yonke.
8 Kwakusa salishiya elo, saya kungena eKhesariya. Apho safikela emzini womvakalisi weendaba ezimnandi uFilipu, omnye walaa madoda asixhenxe awanyulwa eJerusalem.
9 Wayeneentombi ezine ezingendanga ezaziluvakalisa udaba lweNkosi.
10 Kuthe sekuntsuku silapho, kwafika umvakalisi-daba onguAgabho, evela kwaJuda.
11 Ufike wathatha ibhanti kaPawulos, wazibopha ngayo iinyawo nezandla, wathi: “Uthi uMoya oyiNgcwele: ‘Umnini wale bhanti uya kubotshwa enjiwenje ngamaJuda eJerusalem, yaye aya kumnikela ezintlangeni.’ ”
12 Sakuyiva le nto, samcenga uPawulos, sikunye namakholwa alapho, ukuba angayi eJerusalem.
13 Kodwa wathi ukuphendula: “Nenza ntoni, nifuna ukundityhafisa nje ngezi nyembezi zenu? Andilungelanga kubotshwa kuphela eJerusalem; kwanokufa oku ndikulungele ngenxa yeNkosi uYesu.”