12 “Apho ke kwakukho indoda ethile egama linguHananiya. Yayiyindoda ewuzondeleleyo iwuthobele *umthetho, ihlonelwa kakhulu ngawo onke amaJuda aseDamasko.
13 Yeza yafika yema ecaleni kwam, yathi: ‘Sawule, mfondini, buya ubone.’ Kanye ngaloo mzuzu avuleka amehlo am, ndaza ndabona.
14 Wathi: ‘UThixo wookhokho bethu ukukhethele ukuba ukwazi ukuthanda kwakhe, ukuze usibone isiCaka sakhe esililungisa, uve ilizwi lakhe lithetha nawe,
15 kuba uya kuba lingqina lakhe, wazise bonke abantu izinto ozibonileyo nozivileyo.
16 Ngoku ke usalindele ntoni? Vuka, ubhaptizwe, zixolelwe izono zakho ngokubiza igama lakhe.’ ”
17 “Ndaphindela kwaseJerusalem, apho ndathi *ndisendlwini kaThixo ndithandaza, ndaba nombono.
18 Ndabona iNkosi isithi kum: ‘Khawuleza umke eJerusalem, kuba abantu balapha abayi kubamkela ubungqina bakho ngam.’