27 Ingqwayi-ngqwayi ke yaya kuPawulos, yathi: “Khawutsho: ungummi ongumRoma wena?” Wavuma uPawulos.
28 Ingqwayi-ngqwayi yaqhuba isithi: “Ndahlawula imali eninzi ukuze ndibe ngummi ongumRoma.”UPawulos wathi ukuphendula: “Kodwa ke mna ndinguye ngokuzalwa.”
29 Kwangoko loo madoda ayeza kumncina uPawulos arhoxa, ingqwayi-ngqwayi yoyika yakuqonda ukuba uPawulos wayengummi ongumRoma, imkhonkxe ngamatyathanga nje.
30 Ingqwayi-ngqwayi yafuna ukuqiniseka ngetyala awayemmangalela ngalo amaJuda uPawulos. Ithe ke ngengomso makakhululwe amatyathanga uPawulos, kubizwe ababingeleli abaziintloko kunye *neBhunga xa lilonke. Yaza ke yeza kummisa phambi kwentlanganiso uPawulos.