9 Amadoda endandihamba nawo akubona okunene ukukhanya, kodwa akazange ayive into ethethwa ngulowo wayethetha nam.
10 Ndabuza ndathi: ‘Ndingenza ntoni, Nkosi?’ Yaza yathi iNkosi kum: ‘Vuka, uye eDamasko; woyixelelwa khona apho into yonke akumisele ukuba uyenze uThixo.’
11 Ukubengezela kokukhanya oko ndakubonayo kwanditsho ndayimfama, baza abo babendiphahlile bandibamba ngesandla, bandikhokelela eDamasko.
12 “Apho ke kwakukho indoda ethile egama linguHananiya. Yayiyindoda ewuzondeleleyo iwuthobele *umthetho, ihlonelwa kakhulu ngawo onke amaJuda aseDamasko.
13 Yeza yafika yema ecaleni kwam, yathi: ‘Sawule, mfondini, buya ubone.’ Kanye ngaloo mzuzu avuleka amehlo am, ndaza ndabona.
14 Wathi: ‘UThixo wookhokho bethu ukukhethele ukuba ukwazi ukuthanda kwakhe, ukuze usibone isiCaka sakhe esililungisa, uve ilizwi lakhe lithetha nawe,
15 kuba uya kuba lingqina lakhe, wazise bonke abantu izinto ozibonileyo nozivileyo.