23 Wayalela umphathi-butho owayegada uPawulos ukuba amgcine, kodwa angabi ngqongqo, azivumele izihlobo zakhe zimlungiselele.
24 Kwakudlula iintsuku uFelekis wafika noDrusila umkakhe, umJudakazi. Wambiza uPawulos, waza wamphulaphula ethetha ngokholo kuKrestu Yesu.
25 Kodwa wahambisa uPawulos echaza ngokuziphatha kakuhle, ukuzeyisa, nangomhla womgwebo, uFelekis watsho woyika wathi: “Ungakhe umke ngoku; ndiya kuphinda ndikubize xa ndinethuba.”
26 Wayenethemba lokuba mhlawumbi angahle anyotywe nguPawulos; kungesi sizathu ke wayesoloko emana ukumbiza ancokole naye.
27 Emva kweminyaka emibini uPorkiyo Festo waba yirhuluneli endaweni kaFelekis. Ngenxa yokuba uFelekis wayefuna ukuzenza mhle kumaJuda, wamshiya entolongweni apho uPawulos.