24 Kwakudlula iintsuku uFelekis wafika noDrusila umkakhe, umJudakazi. Wambiza uPawulos, waza wamphulaphula ethetha ngokholo kuKrestu Yesu.
25 Kodwa wahambisa uPawulos echaza ngokuziphatha kakuhle, ukuzeyisa, nangomhla womgwebo, uFelekis watsho woyika wathi: “Ungakhe umke ngoku; ndiya kuphinda ndikubize xa ndinethuba.”
26 Wayenethemba lokuba mhlawumbi angahle anyotywe nguPawulos; kungesi sizathu ke wayesoloko emana ukumbiza ancokole naye.
27 Emva kweminyaka emibini uPorkiyo Festo waba yirhuluneli endaweni kaFelekis. Ngenxa yokuba uFelekis wayefuna ukuzenza mhle kumaJuda, wamshiya entolongweni apho uPawulos.