21 Sesi sizathu ke esabangela ukuba amaJuda andihlasele endlwini kaThixo, efuna ukundibulala.
22 Kodwa kude kwayile mini uThixo endinceda; nangoku ndimi apha ndingqina kubo bonke, abaphakamileyo nabaphantsi ngokufanayo. Le nto ndiyithethayo ikwayiloo nto bayithethayo *abashumayeli bamandulo kwakunye noMosis,
23 le yokuba uKrestu umelwe kukuva ubunzima, aze abe ngowokuqala ukuvuka kwabafileyo, avakalise ukuvela komsobomvu wosindiso kumaJuda nasezintlangeni.”
24 Wathi uPawulos esazithethelela njalo, uFesto wakhwaza wathi: “Uphambene, Pawulos! Imfundo eninzi iyakuphambanisa!”
25 UPawulos waphendula wathi: “Andiphambananga, mhlekazi Festo; la mazwi ndiwathethayo ayinyaniso, futhi ngawengqondo.
26 Mhlekazi Agripa, ndingathetha phandle nawe, kuba wena uyazazi ezi zinto. Ndiqinisekile ukuba waziqaphela xa zizonke, kuba le nto ayizange ifihlakale ukwenzeka kwayo.
27 Kumkani Agripa, uyakholwa ludaba *lwabashumayeli bamandulo? Kambe ndiyazi ukuba uyakholwa!”