1 Ngamhla uthile uPetros noYohane baya *endlwini kaThixo ngexesha lomthandazo, ngentsimbi yesithathu emva kwemini.
2 Apho esangweni lendlu kaThixo ekwakusithiwa liSango eLihle, kwakukho indoda eyayisisiqhwala kwasekuzalweni kwayo. Yayidla ngokusiwa khona yonke imihla ukuze icele amalizo kwabangenayo.
3 Yakubona uPetros noYohane bengena, yacela ukuba bayilize.
4 Bayijonga, waza uPetros wathi: “Khangela apha!”
5 Yajonga kubo ke ilindele into abaza kuyinika yona.
6 Uthe uPetros: “Imali andinayo, kodwa ndiza kukunika into endinayo – egameni likaYesu Krestu waseNazarete, ndithi kuwe: ‘Phakama, uhambe.’ ”