4 Bayijonga, waza uPetros wathi: “Khangela apha!”
5 Yajonga kubo ke ilindele into abaza kuyinika yona.
6 Uthe uPetros: “Imali andinayo, kodwa ndiza kukunika into endinayo – egameni likaYesu Krestu waseNazarete, ndithi kuwe: ‘Phakama, uhambe.’ ”
7 Akuba etshilo, wayibamba ngesandla sokunene, wayiphakamisa. Ngoko nangoko iinyawo namaqatha ayo omelela.
8 Yatsho umtsi, yema ngeenyawo, yahamba-hamba. Yaza yangena nabo endlwini kaThixo, ihamba itsiba-tsiba, ibulela uThixo.
9 Bonke abantu ababelapho bayibona ihamba ibulela uThixo.
10 Baqonda ukuba ngulaa mngqibi wayedla ngokuhlala eSangweni eLihle lendlu kaThixo, bonke bathi manga yinto eyenzeke kuye.