15 Baza abagulayo basiwa ezitalatweni, balaliswa ezibhedini nasemakhukweni, ukuze kuthi xa agqithayo uPetros isithunzi sakhe siwe phezu kwabanye.
16 Izihlwele zabantu zazisiza, zivela kwiidolophu ezimelene neJerusalem, zizisa abagulayo nâbo babeneendimoni, baze baphile bonke.
17 Umbingeleli omkhulu nabalingane bakhe, abo beqela *labaSadusi, babamonela *abathunywa,
18 baza bababamba babafaka entolongweni.
19 Kwangobo busuku isithunywa seNkosi sawavula amasango entolongo, sabakhokelela phandle abathunywa, sathi kubo:
20 “Hambani niye *endlwini kaThixo, nibafundise yonke into abantu ngale ntlalo intsha.”
21 Bevile ke abathunywa, bathi kwasekuseni bangena endlwini kaThixo, bafundisa.Umbingeleli omkhulu nabalingane bakhe nabo bonke abadala bamaJuda, babiza intlanganiso epheleleyo *yeBhunga, baza bathumela entolongweni ukuba abathunywa beziswe phambi kwabo.