17 Umbingeleli omkhulu nabalingane bakhe, abo beqela *labaSadusi, babamonela *abathunywa,
18 baza bababamba babafaka entolongweni.
19 Kwangobo busuku isithunywa seNkosi sawavula amasango entolongo, sabakhokelela phandle abathunywa, sathi kubo:
20 “Hambani niye *endlwini kaThixo, nibafundise yonke into abantu ngale ntlalo intsha.”
21 Bevile ke abathunywa, bathi kwasekuseni bangena endlwini kaThixo, bafundisa.Umbingeleli omkhulu nabalingane bakhe nabo bonke abadala bamaJuda, babiza intlanganiso epheleleyo *yeBhunga, baza bathumela entolongweni ukuba abathunywa beziswe phambi kwabo.
22 Zifikile izigidimi azibafumananga abathunywa entolongweni; zabuya ke zeza kuxela entlanganisweni, zathi:
23 “Intolongo siyifumene ivalwe ngokuqinileyo, nabalindi bewagcinile amasango, kodwa sakuwavula amasango, asifumananga mntu ngaphakathi.”