20 “Hambani niye *endlwini kaThixo, nibafundise yonke into abantu ngale ntlalo intsha.”
21 Bevile ke abathunywa, bathi kwasekuseni bangena endlwini kaThixo, bafundisa.Umbingeleli omkhulu nabalingane bakhe nabo bonke abadala bamaJuda, babiza intlanganiso epheleleyo *yeBhunga, baza bathumela entolongweni ukuba abathunywa beziswe phambi kwabo.
22 Zifikile izigidimi azibafumananga abathunywa entolongweni; zabuya ke zeza kuxela entlanganisweni, zathi:
23 “Intolongo siyifumene ivalwe ngokuqinileyo, nabalindi bewagcinile amasango, kodwa sakuwavula amasango, asifumananga mntu ngaphakathi.”
24 Kwathi intloko yabalindi bendlu kaThixo nababingeleli abaziintloko bakuyiva le nto, baxakwa ukuba ngaba kuhle ntoni na kubathunywa.
25 Kwafika ndoda ithile eyathi kubo: “Khangelani, amadoda ebeniwafake entolongweni nangaya efundisa abantu endlwini kaThixo!”
26 Yasuka ke intloko yabalindi yahamba nabaphantsi kwayo, babaphuthuma abathunywa. Babaphatha kakuhle abathunywa, kuba besoyika hleze baxulutywe ngamatye ngabantu.