4 Ngalinye ke, thina siya kuzinikela ngokupheleleyo kumsebenzi wokushumayela nasemithandazweni.”
5 Isiphakamiso sabathunywa samkeleka kubo bonke; baza ke banyula aba: uStefano, indoda ezele lukholo nanguMoya oyiNgcwele, noFilipu, noProkuro, noNikano, noTimon, noParmena, kwakunye noNikolawo waseAntiyokwe owayengumngeni-buJudeni.
6 Aba ke banikelwa kubathunywa, baza bona babamisela ngokubathandazela nokubabeka izandla.
7 Laya lisanda ke ilizwi likaThixo, laza ke nenani labalandeli bakaYesu lakhula kakhulu eJerusalem, kwabakho neqela lababingeleli elazinikelayo eNkosini.
8 UStefano, indoda eyayisikelelwe nguThixo, izele ngamandla, wênza imiqondiso nemimangaliso phakathi kwabantu.
9 Aza amadoda athile amchasa. Wona ayedla ngokuhlangana *endlwini yesikhungo ekuthiwa yeyamakhoboka akhululekileyo. AyengamaJuda avela eKirene naseAlesandriya. Wona namaJuda aseKiliki nawaseAsiya axambulisana noStefano.
10 Kodwa uMoya wamnika ubulumko uStefano, ngokokude bangabi nako ukuphikisana naye.