5 Isiphakamiso sabathunywa samkeleka kubo bonke; baza ke banyula aba: uStefano, indoda ezele lukholo nanguMoya oyiNgcwele, noFilipu, noProkuro, noNikano, noTimon, noParmena, kwakunye noNikolawo waseAntiyokwe owayengumngeni-buJudeni.
6 Aba ke banikelwa kubathunywa, baza bona babamisela ngokubathandazela nokubabeka izandla.
7 Laya lisanda ke ilizwi likaThixo, laza ke nenani labalandeli bakaYesu lakhula kakhulu eJerusalem, kwabakho neqela lababingeleli elazinikelayo eNkosini.
8 UStefano, indoda eyayisikelelwe nguThixo, izele ngamandla, wênza imiqondiso nemimangaliso phakathi kwabantu.
9 Aza amadoda athile amchasa. Wona ayedla ngokuhlangana *endlwini yesikhungo ekuthiwa yeyamakhoboka akhululekileyo. AyengamaJuda avela eKirene naseAlesandriya. Wona namaJuda aseKiliki nawaseAsiya axambulisana noStefano.
10 Kodwa uMoya wamnika ubulumko uStefano, ngokokude bangabi nako ukuphikisana naye.
11 Baza ke bafunza amadoda athile, khon' ukuze athi: “Thina simve ethetha kakubi ngoMosis nangoThixo.”