36 Wabakhokela ke abantu ukuphuma eJiputa, wenza imiqondiso nemimangaliso, eJiputa nakuLwandle oluBomvu, kananjalo nasentlango, iminyaka emashumi mane.
37 Nguloo Mosis wathi kumaSirayeli: ‘UThixo uya kunithumela *umshumayeli ophuma kwalapha kumawenu njengam.’
38 Nguye lowa wayekunye nebandla likaSirayeli entlango. Wayekhona apho nookhokho bethu, ekwakunye nesithunywa sezulu esasithetha naye entabeni yeSinayi. Wamkela kuThixo imiyalelo ephilileyo ukuba ayidlulisele kuthi.
39 “Kananjalo ookhokho bethu bala ukumthobela, bambukula, besithi kubhetele baphindele kwaseJiputa.
40 Kungoko bathi kuAron: ‘Senzele *oothixo bokusikhokela, kuba asiyazi into emngeneyo laa Mosis wasikhupha eJiputa.’
41 Kungeli thuba ke apho baziqingqela umfanekiso wethole, baza balenzela umbingelelo, benza netheko lokuzivuyisa ngenxa yaloo nto yayenziwe zizandla zabo.
42 Ngenxa yaloo nto uThixo wabafulathela, wabayeka ukuba banqule iinkwenkwezi zezulu, njengoko kubhaliweyo encwadini *yabashumayeli kwathiwa:“ ‘MaSirayeli, yayingendim enanimxhelela,nimenzela amadini,iminyaka emashumi mane entlango.