48 “Phofu yena uThixo uPhezukonke akahlali zindlwini zakhiwe ngabantu; njengoko atshoyo umshumayeli:
49 “ ‘Izulu likomkhulu lam,’ itsho iNkosi:‘Umhlaba wona ngamathânga am.Ndluni eningaze nindakhele yona?Iphi yona indawo endingaphumla kuyo?
50 Ezi zinto azenziwanga ndim zonke na?’
51 “Bantundini baneenkani, abantliziyo ziqaqadekileyo, hayi ubuthulu benu emyalelweni kaThixo! Nifuz' ooyihlo! Nani nasoloko nimgiba uMoya oyiNgcwele!
52 Nguwuphi umshumayeli abangamtshutshisanga ooyihlo? Bazibulala izigidimi zikaThixo, ezathi kwangaphambili zakuvakalisa ukuza kwalowo uliLungisa. Kungokunje nimngcatshile namgebenga.
53 Umthetho kaThixo owaziswa zizithunywa zezulu, wamkelwa nini kanye – kodwa anikawuthobeli unangoku!”
54 Athi amalungu *eBhunga akuziva ezi zinto zithethwa nguStefano, acaphuka kangangokuba ade abe ngathi osuka amthi qwenge-qwenge.