12 Emva koko uYesu, nonina, nabantakwabo, nabafundi bakhe, baya eKapernahum, bahlala khona iintsukwana.
13 Yayiselisondele *iPasika yamaJuda, waza uYesu waya kuyo eJerusalem.
14 *Endlwini kaThixo wafika kukho abathengisi beenkomo, neegusha, namahobe; kukho nabatshintshi-mali behleli ezitafileni zabo.
15 Wenza isabhokhwe ngentambo, wabakhupha bonke endlwini kaThixo, ezikhupha nezo gusha nezo nkomo. Wayichitha imali yabatshintshi, wabhukuqa nezo tafile zabo.
16 Waza wathi kwabathengisa amahobe: “Zikhupheni apha ezi zinto. Indlu kaBawo sanukuyenza indawo yokuthengisela.”
17 Bakhumbula ke abafundi bakhe okokuba *iziBhalo zithi: “Ukuzondelela indlu yakho, Thixo, kundongamele.”
18 Zambuza ke iinkokheli zamaJuda zisithi: “Ùngenza mqondiso mni na wokusibonisa ukuba unalo igunya lokwenza ezi zinto?”