8 wathi kuzo: “Yikhani ngoku, nise kwinjoli.” Zenjenjalo ke,
9 yaza injoli yawangcamla amanzi ajikwe aba yiwayini, koko ingazi apho ivela khona le wayini. Yayizizicaka kuphela ezazisazi, kuba ayekhiwe zizo amanzi. Injoli ke yambiza umyeni,
10 yathi kuye: “Idla ngokukhutshwa kuqala iwayini elungileyo, kuthi zakuba zisele zanela iindwendwe, kukhutshwe enganeno. Kodwa wena uyigcine kwada kwangoku eyona wayini ilungileyo.”
11 Lo mqondiso wakhe wokuqala uYesu wawenza eKana kwelaseGalili, ebonakalisa ubungangamsha bakhe; baza abafundi bakhe bakholwa kuye.
12 Emva koko uYesu, nonina, nabantakwabo, nabafundi bakhe, baya eKapernahum, bahlala khona iintsukwana.
13 Yayiselisondele *iPasika yamaJuda, waza uYesu waya kuyo eJerusalem.
14 *Endlwini kaThixo wafika kukho abathengisi beenkomo, neegusha, namahobe; kukho nabatshintshi-mali behleli ezitafileni zabo.