7 Ke ngoko loo mfundi obethandwa nguYesu wathi kuPetros: “YiNkosi!” USimon Petros, akuva ukuba yiNkosi le, wazithi wambu ngengubo, kuba wayetyedile, watsho waziphosa emanzini.
8 Ke bona abanye abafundi baya elunxwemeni ngesikhitshana, bawurhuqa umnatha, uzele ziintlanzi. Kwakumalunga neemitha ezilikhulu ukuya elunxwemeni.
9 Bakuhla esikhitshaneni, babona umlilo wamalahle, kukho intlanzi kuwo kwanesonka.
10 Wathi kubo uYesu: “Khanize neentlanzi kwezi nisand' ukuzibamba.”
11 USimon Petros wakhwela esikhitshaneni, wawurhuqela elunxwemeni umnatha, uzele ziintlanzi ezinkulu, zilikhulu elinamashumi amahlanu anantathu zizonke. Nangona zazininzi kangako umnatha awuqhaqhekanga.
12 Waza wathi kubo uYesu: “Yizani kutya.” Akubangakho namnye kubafundi ube nabuganga bakuthi: “Ungubani wena?” Kaloku babesazi ukuba yiNkosi.
13 Wasondela uYesu, wasithatha isonka, wabanika; wathatha nentlanzi, wabanika.