9 Bakuhla esikhitshaneni, babona umlilo wamalahle, kukho intlanzi kuwo kwanesonka.
10 Wathi kubo uYesu: “Khanize neentlanzi kwezi nisand' ukuzibamba.”
11 USimon Petros wakhwela esikhitshaneni, wawurhuqela elunxwemeni umnatha, uzele ziintlanzi ezinkulu, zilikhulu elinamashumi amahlanu anantathu zizonke. Nangona zazininzi kangako umnatha awuqhaqhekanga.
12 Waza wathi kubo uYesu: “Yizani kutya.” Akubangakho namnye kubafundi ube nabuganga bakuthi: “Ungubani wena?” Kaloku babesazi ukuba yiNkosi.
13 Wasondela uYesu, wasithatha isonka, wabanika; wathatha nentlanzi, wabanika.
14 Oku kuzibonakalisa kukaYesu kubafundi bakhe kwakukokwesithathu emva kokuvuka kwakhe ekufeni.
15 Emva kokuba betyile, uYesu wathi kuSimon Petros: “Simon, nyana kaYohane, uyandithanda na ngaphezu kwaba?”Wathi kuye: “Ewe, Nkosi, uyazi ukuba ndiyakuthanda.” Wathi kuye uYesu: “Yondla amatakane am.”