8 Omnye wabafundi bakaYesu, uAndreya, umntakwabo-Simon Petros, wathi kuye:
9 “Kukho inkwenkwana apha enezonka ezihlanu zerhasi, neentlanzi ezimbini; kodwa kuyintoni na oko kule nginginya yabantu?”
10 Waza uYesu wathi: “Bahlaliseni phantsi abantu.” Kwakukho ibala elikhulu elinengca apho, baza bahlala phantsi. Inani lamadoda lalikumawaka amahlanu.
11 Wazithatha ke uYesu ezo zonka, wabulela kuThixo, wababela abantu ababehleli phantsi. Wenjenjalo nakwiintlanzi, baza batya banela.
12 Bakuhlutha abantu, uYesu wathi kubafundi bakhe: “Qokelelani okuseleyo. Makungabikho nentwana emoshakalayo.”
13 Bawaqokelela ke amaqhekeza aseleyo ezo zonka zihlanu zerhasi, kwazala iingobozi ezilishumi elinambini.
14 Bakuwubona abantu lo mqondiso uYesu awenzileyo, bathi: “Ngenene, kuthe kanti nguye lo *umshumayeli obekade elindelwe!”