Eyasentlango 1 XHO96

Ubalo lokuqala eSinayi

1 Ke kaloku kwathi amaSirayeli eselapho kwintlango yeSinayi *uNdikhoyo wathetha noMosis *esesibingelelweni. Lo ke yayingumhla wokuqala wenyanga yesibini kunyaka wesibini amaSirayeli andulukayo eJiputa. Wamyalela wenjenje:

2-3 “Wena noAron yenzani ubalo, niwabale onke amaSirayeli ngokwezindlu nemizi yawo. Ewe, balani onke amadoda ayintanga yokuphuma aye emfazweni, oko kukuthi lawo akumashumi amabini eminyaka nangaphezulu.

4 Kwindlu nganye thathani inkulu inincedise.”

5-15 Nanga ke amagama ezo nkulu zakhethelwa lo msebenzi: Indlu Inkulu KwaRubhen uElizure kaShedeyure KwaSimon uShelumiyeli kaZurishadayi KwaJuda uNashon ka-Aminadabhi KwaIsakare uNataniyeli kaZuware KwaZebhulon uEliyabhi kaHelon KwaEfrayim (kaJosefu) uElishama ka-Amihudi KwaManase (kaJosefu) uGamaliyeli kaPedazure KwaBhenjamin uAbhidan kaGidiyoni KwaDan uAhiyezere ka-Amishadayi Kwa-Ashere uPagiyeli kaOkran KwaGadi uEliyasafu kaDuweli KwaNafetali uAhira kaEnan

16 Ngawo ke la amadoda âkhethwáyo ebandleni beziinkulu zezindlu zakowawo, izindlu zakwaSirayeli ukutsho.

17 UMosis noAron ke benala madoda

18 bawaqokelela onke amaSirayeli ngomhla wokuqala kwinyanga yesibini, baza bawabala ngokwezindlu nemizi yawo. Bawabhalisa bawabala onke amadoda akumashumi amabini eminyaka nangaphezulu

19 ngokomlomo kaNdikhoyo kuMosis. Le nto ke yenzeka kwintlango yeSinayi.

20-46 Ke kaloku onke amadoda ayintanga yokuya emfazweni, lawo aneminyaka emashumi mabini nangaphezulu, abhaliswa ngokwezindlu nemizi yawo, kuqalelwa kwaRubhen inkulu kaSirayeli.Ngokwamanani kwindlu nganye ayemi ngolu hlobo: Indlu Inani KwaRubhen 46 500 KwaSimon 59 300 KwaGadi 45 650 KwaJuda 74 600 KwaIsakare 54 400 KwaZebhulon 57 400 KwaEfrayim kaJosefu 40 500 KwaManase kaJosefu 32 200 KwaBhenjamin 35 400 KwaDan 62 700 Kwa-Ashere 41 500 KwaNafetali 53 400 Bebonke: 603 550

47 Yona indlu yakwaLevi zange ibalwe,

48 kuba uNdikhoyo wayemyalile uMosis wathi:

49 “Xa ubala amadoda afanele imfazwe uze ungababandakanyi abaLevi.

50 Ndaweni yaloo nto bona uze ubamisele umsebenzi wesibingelelo. Kuya kuxhomekeka kubo ukufuduswa kwesibingelelo ndawonye nomsebenzi waso. Futhi ke apho simise khona siya kungqongwa kwangabo.

51 Nanini na nifuduka, isibingelelo sona siya kuxhomekeka kubaLevi. Ngabo abaya kusichitha xa nindulukayo, baze baphinde basakhe apho nimise khona. Ngoko ke umntu ongomnye osondela esibingelelweni makabulawe.

52 Amanye amaSirayeli la aya kuma ngokwezindlu zawo, amathile ephantsi kwembasa yawo.

53 Ke bona abaLevi ukuma kwabo baya kuphahla isibingelelo esiqulethe ubungqina bomnqophiso, basaluse, khon' ukuze kungabikho bani usondelayo kuso, avusele amaSirayeli umsindo wam.”

54 Ngenene ke amaSirayeli enza ngokomyalelo kaNdikhoyo kuMosis.

kwizahluko

1 2 3 4 5 6 7 8 9 10 11 12 13 14 15 16 17 18 19 20 21 22 23 24 25 26 27 28 29 30 31 32 33 34 35 36