Eyasentlango 36 XHO96

Ilifa lababhinqileyo

1 Iinkulu zendlu yakwaGiliyadi unyana kaMakire umzukulwana kaManase unyana kaJosefu, zaya kuMosis enezinye iinkokheli.

2 Zafika zathi: “*UNdikhoyo wakuyalela ukuba amaSirayeli uwabele umhlaba *ngamaqashiso. Ngokunjalo wathi umhlaba womntakwethu uZelofehadi uze uwunike iintombi zakhe.

3 Kambe ke xa zithe zendela ndlwini yimbi, loo mhlaba wazo uwela kuloo ndlu; ngaloo ndlela ke umhlaba olilifa lethu utsho unciphe.

4 Ngonyaka wobuyiselo xa yonke imihlaba ebithengiwe ibuyiselwa kubanini bayo bamandulo, imihlaba yeentombi zikaZelofehadi ibuyela kwezo zindlu zendele kuzo; ngaloo ndlela ke uyancipha umhlaba olilifa lakowethu.”

5 Ngoko ke uMosis wathetha namaSirayeli, wawanika lo myalelo kaNdikhoyo uthi: “Le nto ithethwa ngamaManase yinyani.

6 Ngoko ke uNdikhoyo uthi: ‘Iintombi zikaZelofehadi zikhululekile ukuba zendele nakubani na, kodwa ke kube kwakule ndlu yakowazo.

7 Umhlaba olilifa lendlu yakwaSirayeli mawungadluleli kwizindlu ngezindlu. Umhlaba womSirayeli ngamnye kufuneka uhlale ungowaloo ndlu azalwa kuyo nanini na.

8 Intombi yomSirayeli efumene ilifa lomhlaba kufuneka yendele kwakuloo ndlu yakowayo. Ngale ndlela ke umhlaba wookhokho bendlu ethile uya kujikeleza kwakuloo ndlu,

9 ungaze uphuncuke uye ndlwini yimbi. Umhlaba wendlu nganye uya kuhlala ungowaloo ndlu nanini na.’ ”

10-11 Ke kaloku uMala, uTiza, uHogela, uMilika, noNoha, iintombi zikaZelofehadi, zenza ngokomlomo kaNdikhoyo kuMosis, zendela kwimizi yendlu yakowazo.

12 Ewe, zendela kwakwimizi yendlu kaManase unyana kaJosefu, yaza ke ngolo hlobo imihlaba kayise ayaphuma kule ndlu yakowazo.

13 Nantso ke imiyalelo nemimiselo eyanikwa amaSirayeli nguNdikhoyo ngoMosis, kuloo mathafa aseMowabhi phesheya kweJordan malunga neJeriko.

kwizahluko

1 2 3 4 5 6 7 8 9 10 11 12 13 14 15 16 17 18 19 20 21 22 23 24 25 26 27 28 29 30 31 32 33 34 35 36