Eyasentlango 8 XHO96

Ukumiswa kwesibane

1 *UNdikhoyo wathi kuMosis

2 makaxelele uAron ukuba xa ebeka esaa sibane sizibane zisixhenxe, aze asimise ngohlobo lokuba ilitha laso liwe ngaphambili.

3 UAron wawuthobela loo myalelo, wasimisa njengoko kutshiwo isibane.

4 Wasibumba sonke ngegolide ngokomfanekiso awayewubonisiwe nguNdikhoyo uMosis.

Ukuhlanjululwa nokumiselwa kwabaLevi

5 *UNdikhoyo wayalela uMosis

6 ukuba abakhethe abaLevi kumaSirayeli, abahlambulule

7 ngolu hlobo: “Bafefe ngamanzi okuhlambulula, utsho bachebe babususe bonke uboya emizimbeni, bazihlambe neempahla zabo. Bakuba benjenjalo ke baya kuhlambuluka.

8 Emva koko ke mabathathe inkunzana yenkomo, baphathe nomgubo onamafutha ukulungiselela ukwenza idini leenkozo; uze futhi uthathe enye inkunzi yenkomo yokwenza umnikelo wesono.

9 Qokelela ibandla lamaSirayeli ephela, uze bona abaLevi ubemise phambi *kwesibingelelo.

10 AmaSirayeli ke aya kubeka izandla zawo phezu kweentloko zabaLevi.

11 Ke uAron uya kusuka abanikezele abaLevi abo kum, babe ngumnikelo owanga-wangiswayo ovela kumaSirayeli, ukuze bawufanele umsebenzi wam.

12 AbaLevi ke baya kubeka izandla phezu kwezaa nkunzi zimbini. Enye yazo yeyedini lesono, kanti ke enye yeyedini elitshiswayo, khon' ukuze abaLevi bacanyagushelwe.”

13 UNdikhoyo waqhuba wathi: “AbaLevi mababe ngumnikelo owanga-wangiswayo, baze bonganyelwe nguAron noonyana bakhe.

14 Ngale ndlela ke bakhethe abaLevi kumaSirayeli, babe libango lam.

15 Wakuba ke ubahlambulule, wabanikezela abaLevi, baya kukufanela ukubusa esibingelelweni.

16 Kuwo onke amaSirayeli abaLevi ngabam ncakasana, kuba ndibanga bona endaweni yoonyana bamazibulo bamaSirayeli.

17 Ukuwabulala kwam amazibulo amaJipta, ndazibekela bucala bonke oonyana bamazibulo bamaSirayeli, ngokunjalo namaduna angamazibulo emfuyo yawo.

18 Kambe ke ngoku ndibanga abaLevi endaweni yamazibulo amaSirayeli;

19 abaLevi aba ndiwabeka phantsi koAron noonyana bakhe, bangumnikelo wamaSirayeli esibingelelweni, khon' ukuze babuse bangxengxeze, amaSirayeli angehlelwa sisibetho ebesingawehlelayo xa asondele esibingelelweni.”

20 Ngoko ke uMosis noAron nalo lonke ibandla lamaSirayeli babamisela babanikezela abaLevi ngokomlomo kaNdikhoyo.

21 AbaLevi bazicoca bahlamba neempahla zabo, waza ke uAron wabanikezela baba sisipho esiwanga-wangiswayo sikaNdikhoyo, waza wabahlambulula ngokuwacamagushela.

22 Mayela nabaLevi amaSirayeli alungisa konke ngokomlomo kaNdikhoyo kuMosis. Baba ke ngoko ngolu hlobo abaLevi bafikelele kwibanga lokubusa esibingelelweni phantsi koAron noonyana bakhe.

23 UNdikhoyo wanika uMosis

24 ummiselo othi: “Ixesha lokuqala komLevi ngamnye ukubusa esibingelelweni loba kuxa aneminyaka engamashumi amabini nantlanu,

25 aze aphumle xa anamashumi amahlanu.

26 Phofu ke angákhe aqhube encedisa oogxa bakhe, kodwa ke yena siqu engenamsebenzi uthe ngxishi. Nantso ke indlela baya kusebenza ngayo abaLevi.”

kwizahluko

1 2 3 4 5 6 7 8 9 10 11 12 13 14 15 16 17 18 19 20 21 22 23 24 25 26 27 28 29 30 31 32 33 34 35 36