Eyasentlango 7 XHO96

Iminikelo yeenkokheli

1 Mhla wagqiba uMosis ukumisela *isibingelelo, wasithambisa, wasinikezela, sona nezixhobo zaso ndawonye neqonga lamadini nokwalo.

2 Zaza iinkokheli zezindlu zakwaSirayeli, kwaezo zazongamele ubalo,

3 zezisa iminikelo yazo esibingelelweni *kuNdikhoyo. Yaba ziinqwelo ezintandathu ezineetentyi neenkabi zeenkomo ezilishumi elinambini. Iinkokheli zadibana ngenqwelo ngambini, yaza yayileyo yakhupha inkabi yenkomo.Zakuba zizinikele ke,

4 uNdikhoyo wathi kuMosis:

5 “Ezi zipho zamkele ze zisetyenziswe esibingelelweni. Zigqithisele kubaLevi ngokwemisebenzi abajongene nayo.”

6 Ngoko ke uMosis wathatha ezo nqwelo kwakunye neenkabi ezo, wazinika abaLevi.

7 AbakwaGershon wabanika iinqwelo zambini neenkabi ezine.

8 Bona abakwaMerari wabanika iinqwelo zane kunye nesibhozo seenkabi. Umsebezi wabo babeza kuwenza bekhokelwa nguItamare unyana ka-Aron.

9 AbakwaKohati bona uMosis akabanikanga zinqwelo nazinkabi, kuba kaloku bona izinto ezingcwele ababeziphatha babezithwala emagxeni.

10 Kananjalo iinkokheli zezisa neminikelo yokubhiyozela ukunikezelwa kweqonga lamadini.

11 Kaloku uNdikhoyo wathi kuMosis: “Zixelele iinkokheli ezo ukuba mazithathe ithuba elingangeentsuku ezilishumi elinambini, inkokheli nganye inikela izipho zayo ngosuku ngalunye, kulo mbhiyozo wokunikezelwa kweqonga lamadini.”

12-83 Ezo zipho ke zanikezelwa ngolu hlobo: Usuku Indlu Inkulu Lokuqala kaJuda uNashon ka-Aminadabhi Lwesibini kaIsakare uNataniyeli kaZuware Lwesithathu kaZebhulon uEliyabhi kaHelon Lwesine kaRubhen uElizure kaShedeyure Lwesihlanu kaSimon uShelumiyeli kaZurishadayi Lwesithandathu kaGadi uEliyasafu kaDuweli Lwesixhenxe kaEfrayim uElishama ka-Amihudi Lwesibhozo kaManase uGamaliyeli kaPedazure Lwesithoba kaBhenjamin uAbhidan kaGidiyoni Lweshumi kaDan uAhiyezere ka-Amisha-dayi Lweshumi linanye ka-Ashere uPagiyeli kaOkran Lweshumi linambini kaNafetali uAhira kaEnan Xa zizonke ke zezisa izipho ezifanayo ngolu hlobo: isitya sesiliva esibunzima buyikhilogram enesiqingatha, nesitya segazi lokutshiza sesiliva esibunzima bungamakhulu asibhozo eegram ngokomlinganiselo ovunyiweyo, zozibini zizele ngumgubo oxutywe namafutha wokwenza idini leenkozo; isityana segolide esibunzima buziigram ezilikhulu elineshumi sizele sisiqhumiso; inkunzana yenkomo, inkunzi yegusha, nexhwane, zokwenza idini elitshiswayo; inkunzi yebhokhwe yedini lesono; neenkabi zeenkomo ezimbini, iinkunzi zeegusha ezintlanu, isihlanu seebhokhwe, namaxhwane amahlanu, zedini lobudlelwane.

84-88 Ke zizonke izipho ezeziswa zezi nkokheli kumsebenzi wokunikezelwa kweqonga zazimi ngolu hlobo:Yayingamashumi amabini anane ezitya zesiliva ezibunzima buziikhilogram ezimashumi mabini anesixhenxe namakhulu amathandathu eegram;ishumi elinambini lezityana zegolide ezibunzima buyikhilogram enamakhulu amathathu namashumi amabini eegram zizele sisiqhumiso;ishumi elinambini leenkunzi zeenkomo, ishumi elinambini leenkunzi zeegusha, ishumi elinambini lamaxhwane, ngokunjalo nomnikelo weenkozo wedini elitshiswayo;ishumi elinambini leebhokhwe zedini lesono;amashumi amabini anesine eenkunzi zeenkomo, namashumi amathandathu eenkunzi zeegusha, amashumi amathandathu eebhokhwe, namashumi amathandathu amaxhwane, okwenza idini lobudlelwana.

89 UMosis wathi akungena esibingelelweni wathetha noNdikhoyo owavakala ethetha phezu kwesivalo setyesi enobungqina bomnqophiso phakathi kwezo *zithunywa zimaphiko.

kwizahluko

1 2 3 4 5 6 7 8 9 10 11 12 13 14 15 16 17 18 19 20 21 22 23 24 25 26 27 28 29 30 31 32 33 34 35 36