Eyasentlango 26 XHO96

Ubalo lwesibini

1 Emva kwaloo bhubhani ke *uNdikhoyo wathetha noMosis noElazare unyana wombingeleli uAron, wathi:

2 “Libaleni ibandla lamaSirayeli liphela ngokwezindlu, nibale amadoda ukususela kubudala obuyiminyaka emashumi mabini ukunyuka, lawo afanelekileyo ukungena emkhosini.”

3-4 Ngenene ke bawuthobela loo myalelo, bawaqokelela onke amadoda ayiloo ntanga. Ke kaloku ahlanganisana kuloo mathafa aseMowabhi phesheya kweJordan malunga neJeriko.Lawo ke yayingamaSirayeli awayevela eJiputa:

5 Indlu kaRubhen (uRhubhen ke wayeyinkulu kaSirayeli); imizi yayo: amaHanoki, amaPalu,

6 amaHezeron, namaKarmi.

7 Inani lamadoda ale mizi ke yayingamashumi amane anesithathu amawaka, anamakhulu asixhenxe, namashumi amathathu.

8 Inzala kaPalu yayinguEliyabhi

9 noonyana bakhe uNemuweli, uDatan, noAbhiram. Lo Datan nalo Abhiram ke ngabaya babenyulwe ngamaSirayeli. Bamvukela uMosis noAron, baza bazibandakanya nehlokondiba likaKora ngexesha ababevukela *uNdikhoyo.

10 Kaloku umhlaba wavuleka wabaginya, baza bafa kunye noKora nabalandeli bakhe abatshatyalaliswa ngumlilo bengamakhulu amabini namashumi amahlanu amadoda. Ke bona baba sisilumkiso kumaSirayeli.

11 Kambe umlibo kaKora zange uphele.

12 Indlu kaSimon; imizi yayo: amaNemuweli, amaJamin, amaJakin,

13 amaZera, namaShawuli.

14 Inani lamadoda ale mizi ke yayingamashumi amabini anambini amawaka anamakhulu amabini.

15 Indlu kaGadi; imizi yayo: amaZefon, amaHagi, amaShuni,

16 amaOzeni, amaEri,

17 ama-Arodi, nama-Areli.

18 Inani lamadoda ale mizi yaba ngamashumi amane amawaka anamakhulu amahlanu.

19-21 Indlu kaJuda; imizi yayo: amaShela, amaPerezi, namaZera. Isizukulwana samaPerezi ngamaHezeron namaHamuli. Isibini koonyana bakaJuda, uEre no-Onan, bafela eKanana.

22 Ke amadoda ale mizi ayengamashumi asixhenxe anantandathu amawaka, namakhulu amahlanu.

23 Indlu kaIsakare; imizi yayo: amaTola, amaPawu,

24 amaYashubhi, namaShimron.

25 Amadoda ale mizi ke ayengamashumi amathandathu anane amawaka, namakhulu amathathu.

26 Indlu kaZebhulon; imizi yayo: amaZerede, amaElon, namaJaleli.

27 Amadoda ale mizi ke aba ngamashumi amathandathu amawaka, namakhulu amahlanu.

28 Indlu kaJosefu: Ke yena uJosefu wayenoonyana ababini, uManase noEfrayim.

29 Indlu kaManase: uMakiri unyana kaManase wazala uGiliyadi.

30 Ke yona inzala kaGiliyadi yile: amaIyezere, amaHeleki,

31 ama-Aseriyeli, amaShekem,

32 amaShemida, namaHefere.

33 UZelofehadi unyana kaHefere wayengenanyana, iziintombi zodwa. Nanga amagama azo: uMala, uNoha, uHogela, uMilika, noTiza.

34 Inani lamadoda ale ndlu yayingamashumi amahlanu anambini amawaka, namakhulu asixhenxe.

35 Indlu kaEfrayim; imizi yayo: amaShutela, amaBhekeri, namaTahan.

36 AmaEran ayinzala kaShutela.

37 Amadoda ale mizi ke ayengamashumi amathathu anambini amawaka, mashumi amahlanu.Le ke yinzala kaJosefu.

38 Indlu kaBhenjamin; imizi yayo: amaBhela, ama-Ashbhele, ama-Ahiram,

39 amaShefufam, namaHufam.

40 Ama-Ardi namaNaman yinzala kaBhela.

41 Inani lamadoda ale ndlu yayingamashumi amane anesihlanu amawaka, namakhulu amathandathu.

42 Indlu kaDan: inzala yayo iphuma kumaShuham.

43 Inani lamadoda ale ndlu yayingamashumi amathandathu anane amawaka, makhulu amane.

44 Indlu ka-Ashere; imizi yayo: amaImna, amaIshvi, namaBheriya.

45 AmaHebhere namaMalekiyeli yinzala kaBheriya.

46 UAshere wayenentombi egama linguSera.

47 Amadoda ale ndlu ke ayengamashumi amahlanu anantathu amawaka, namakhulu amane.

48 Indlu kaNafetali; imizi yayo: amaJazeli, amaGuni,

49 amaJezere, namaShilem.

50 Inani lamadoda ale ndlu yaba ngamashumi amane anesihlanu amawaka, namakhulu amane.

51 Lilonke inani lamaSirayeli angamadoda yaba ngamakhulu amathandathu ananye amawaka, namakhulu asixhenxe, anamashumi amathathu.

52 *UNdikhoyo wayalela uMosis wathi:

53 “Umhlaba wahlulele le mizi ngokobubanzi bayo, ube lilifa layo.

54 Umzi obanzi ilifa lawo malibe likhulu, elomzi onganeno libe nganeno. Umzi ngamnye uya kufumana ilifa lawo ngokwenani lababhaliweyo.

55 Qiniseka ukuba umhlaba wahlulwa *ngamaqashiso. Isabelo somzi sohamba ngokobubanzi bawo.

56 Ewe, ilifa elo liya kwabiwa ngamaqashiso kwimizi ebanzi nenganeno ngokunjalo.”

57 Nalu uludwe lwemizi yakwaLevi: amaGershon, amaKohati, namaMerari.

58 Kwinzala yayo kukho nale mizi: amaLibheni, amaHebron, amaMali, amaMushi, namaKora. UKohati nguyise ka-Amram

59 owathatha umLevikazi uJokobhedi owazalelwa eJiputa. Ke yena wazalela uAmram oonyana ababini, uAron noMosis, nentombi uMiriyam.

60 UAron wayenoonyana abane, uNadabhi, uAbhihu, uElazare, noItamare.

61 UNadabhi noAbhihu ke bona bafa ngokwenzela uNdikhoyo umlilo ongafanelekanga.

62 Ke bona abaLevi abangamadoda ababudala buyinyanga nangaphezulu baba ngamashumi amabini anantathu amawaka. Phofu ke bona baba noludwe lwabo bodwa, kuba zange banikwe mhlaba kwaSirayeli.

63 Le ke yimizi eyadweliswa nguMosis noElazare xa babesenza ubalo lwamaSirayeli kumathafa aseMowabhi phesheya kweJordan malunga neJeriko.

64 Kumadoda awayebalwe nguMosis noAron kwintlango yeSinayi, kubalo lokuqala, kwakungasekho nob' ibe nye.

65 Kaloku *uNdikhoyo wayethe onke aya kufela entlango, kusinde uKalebhi unyana kaJefune, noYoshuwa unyana kaNune. Nangoku ke kwaba njalo.

kwizahluko

1 2 3 4 5 6 7 8 9 10 11 12 13 14 15 16 17 18 19 20 21 22 23 24 25 26 27 28 29 30 31 32 33 34 35 36