Eyasentlango 16 XHO96

Ugwayimbo lukaKora

1-2 UKora unyana kaIzare, umKohati wendlu kaLevi, wagaya amadoda athile, baza bamvukela uMosis. Wayekunye namaRubhen, uDatan noAbhiram, oonyana bakaEliyabhi, no-On unyana kaPelete. Babexhaswa naziinkokheli ezaziwayo zamaSirayeli ezazalathwe ngumzi ukuba zibe liqoqo, zingamakhulu amabini anamashumi amahlanu.

3 Beza belihlokondiba elichase uMosis noAron, baza bathi kubo: “Kungokunje nigabadele! Ubonanje ibandla liphela lamaSirayeli libango *likaNdikhoyo; kwaye futhi uNdikhoyo ukho phakathi kwalo. Ngani ke ukuba nizenze bhetele kangaka kunebandla lamaSirayeli?”

4 UMosis ke uthe akuweva la mazwi, wawa ngamadolo.

5 Waza ke wabhekisa kuKora nabalandeli bakhe, wathi: “Ngomso kusasa uNdikhoyo uza kukhe asibonise ukuba ngubani na kanye umnyulwa wakhe. Lowo ke ungowakhe ncam, lowo amkhethileyo, uya kumsondeza.

6-7 Ngomso kusasa kufuneka wena Kora nabalandeli bakho nithathe imicephe yomlilo, niyifake amalahle avuthayo, nigalele isiqhumiso, niye nayo eqongeni phambi koNdikhoyo. Uya kucaca ke oyena unyuliweyo nguNdikhoyo. Nini kanye baLevi aba bagabadeleyo!”

8 UMosis waqhuba wathi kuKora: “Khanitsho, baLevi,

9 ngaba niyidelile into yokuba uThixo kaSirayeli anibekele bucala kumaSirayeli ephela, ukuze nisondele kuye, nisebenze *esibingelelweni sakhe, nibuse ngenxa yamaSirayeli?

10 Nakuba nina baLevi niphela eninike eli wonga nje, ngoku senitsazele nasebubingelelini?

11 Eneneni nguNdikhoyo lo nimvukeleyo, wena nehlokondiba lakho, engubani yena uAron nide nimkhalazele nje.”

12 Ke kaloku uMosis wathumela wabiza uDatan noAbhiram, kodwa bona baphendula bathi: “Asizi!

13 Akwanelanga yile nto uyenzileyo yokusikhupha eJiputa, ilizwe lamasi nobusi, uze kusibulala kule ntlango? Ngoku sowuzenza itshawe phezu kwethu,

14 ngoku ungekasifikisi kwelaa lizwe lamasi nobusi, ungekasiniki nelifa lamasimi nezidiliya! Ucinga ukuba siziimfama? Asizi!”

15 Wabhabhama ngumsindo uMosis, wathi kuNdikhoyo: “Uze ungawamkeli amadini ala madoda. Mna ndimsulwa kuwo; zange ndithathe nedonki le yawo.”

16-17 UMosis wathi kuKora: “Ngomso wena naba bantu bakho bangamakhulu amabini anamashumi amahlanu ze niye esibingelelweni; noAron uya kubakho. Umntu ngamnye ke kuni aze athathe umcephe womlilo, awufake isiqhumiso, awuzise kwiqonga phambi koNdikhoyo.”

18 Ngenene ke indoda nganye kubo yathatha umcephe womlilo, yawufaka amalahle nesiqhumiso, yema esangweni lesibingelelo kunye noMosis noAron.

19 Ke kaloku uKora wabaqokelela bonke abangakuye, bema bajonga kuMosis noAron esangweni lesibingelelo. Kuthe kusenjalo suka kwavela ubuqaqawuli bukaNdikhoyo kumaSirayeli ephela,

20 waza ke uNdikhoyo wabhekisa kuMosis noAron, wathi:

21 “Khwelelani kwaba bantu. Ndiza kubatshabalalisa ngephanyazo!”

22 Kambe ke uMosis noAron bakhahlela, bawa ngamadolo, badanduluka bathi: “Awu, Thixo, wena mthombo wobomi, kaloku kone umntu wamnye qha, ungathini ke ukusuka ulwe namaSirayeli ephela?”

23 UNdikhoyo wayalela uMosis ukuba

24 athi kumaSirayeli: “Khwelelani kwimizi yooKora noDatan noAbhiram.”

25 Ke kaloku uMosis wahamba waya kuDatan noAbhiram elandelwa ziinkokheli zamaSirayeli.

26 Wabhekisa kumaSirayeli, wathi: “Khwelelani kwimizi yala madoda akhohlakeleyo, ningakhe nichukumise nento le yawo, hleze nani nitshayelwe kunye nawo ngenxa yezono zawo.”

27 Ngoko ke amaSirayeli azikhwebula kwimizi yooKora noDatan noAbhiram.Ke kaloku uDatan noAbhiram babephumile, bema kwiminyango yezindlu zabo, ndawonye nabafazi nabantwana kwaneentsana.

28 Ke uMosis wabhekisa kumaSirayeli, wathi: “Ngoku kuza kucaca kuni, kuba ngenene ezi zinto andizenzeli ngokuthanda kwam, koko nguNdikhoyo ondithuma ukuba ndizenze.

29 Ukuba la madoda abulewe zizifo nje eziqhelekileyo, ze nazi ukuba akandithumanga uNdikhoyo.

30 Kambe ke ukuba uNdikhoyo wenze into engazange ihle nanini na, kwavuleka umhlaba, waginya la madoda nako konke okwawo, ngohlobo lokuba ehle aye kwelabafileyo ehleli, ze niqonde kakuhle ke ukuba aba bantu bamdelile uNdikhoyo.”

31 Wathi ke egqiba nje ukuthetha, suka waqhekeka umhlaba!

32 Bimbilili wabaginya ooDatan noAbhiram ndawonye nemizi yabo, ngokunjalo nabalandeli bakaKora nako konke ababenako.

33 Ngoko ke bangcwatywa behleli, baya kwelabafileyo ndawonye nako konke okwabo. Wabuya wavaleka ke umhlaba, banyamalala ke bona.

34 Onke ke amaSirayeli awayelapho acela kooxhongo akusiva isikhalo sabo. Akhwaza athi: “Kunyembelekile! Sabani, hleze nathi usiginye umhlaba!”

35 Kwaza ke kwaphuma umlilo uvela kuNdikhoyo, wawalenya atsha loo makhulu mabini anamashumi amahlanu amadoda awayesondeza isiqhumiso.

Imicephe yomlilo

36 *UNdikhoyo ke wayalela uMosis, wathi:

37 “Yithi kuElazare unyana wombingeleli uAron asuse imicephe yomlilo yobhedu kuthuthu lwalaa madoda atshileyo, aze wona amalahle akuyo awasarhaze, kuba imicephe leyo ingcwele.

38 Kaloku yaba ngcwele ukusondezwa kwayo kuNdikhoyo. Makayithathe imicephe leyo yaloo madoda afe ngenxa yesono sawo, aze ayikhande ibe ngamacwecwe amcaba, agqume ngayo iqonga lamadini. Loo nto yoba sisikhumbuzo kumaSirayeli.”

39 Ngenene ke uElazare umbingeleli wayithatha imicephe leyo, yaza yakhandwa yangamacwecwe okugquma iqonga lamadini.

40 Esi ke yaba sisikhumbuzo kumaSirayeli, khon' ukuze angalibali ukuba akukho mntu uvumelekileyo ukuba aye kwiqonga lamadini, enze isiqhumiso phambi koNdikhoyo, engenguye owomlibo ka-Aron. Ngapha koko ke owenze into enjalo uya kutshatyalaliswa, axel' uKora nabantu bakhe. Yonke ke le nto yenziwa ngokomyalelo owathunyelwa nguNdikhoyo kuElazare ngoMosis.

UAron uhlangula amaSirayeli

41 Ngomhla olandelayo ke ibandla lakwaSirayeli liphela lakhalazela uMosis noAron lisithi: “Nina nibulele abantu *bakaNdikhoyo.”

42 Emva kokuba beqokelelene bagwayimbela uMosis noAron, bajika basingisa *ngasesibingelelweni, baza balibona ilifu lisigqumile ngequbuliso, ngokunjalo kwabonakala nobungangamsha bukaNdikhoyo.

43 UMosis noAron baya kuma phambi kwesibingelelo.

44 Ke uNdikhoyo wathetha noMosis, wathi:

45 “Buy' umva, nikhwebuke kwaba bantu; ndiza kubatshabalalisa ngephanyazo!”Kwesi sithuba ke bobabini bawa ngamadolo;

46 waza ke uMosis wabhekisa kuAron wathi: “Thatha umcephe wakho womlilo, ugalele amalahle owathatha kwiqonga lamadini, uthi saa isiqhumiso. Wakugqiba ke, khawuleza uye phaya ebantwini ubacamagushele. Khawulezisa, kuba uNdikhoyo uyavutha ngumsindo, ibe ke sezibonakala iimpawu zikabhubhani.”

47 Ngoko nangoko ke uAron wawuthobela umyalelo kaMosis, wawuthatha umcephe wakhe, wakhawuleza waya kungena phakathi kwebandla lamaSirayeli. Wathi akubona ukuba ubhubhani seleqalisile, wafaka isiqhumiso apho emalahleni, wawacamagushela amaSirayeli.

48 Wema phakathi kwabahleliyo nabafi, wanqamka ubhubhani lowo.

49 Ke kaloku abantu abafa ngeso sihlandlo sodwa yaba lishumi elinesine lamawaka anamakhulu asixhenxe, ngaphandle kwabo bafa mhla ngogwayimbo lukaKora.

50 Akuba enqamkile ke ubhubhani lowo, uAron wabuyela kuMosis esangweni lesibingelelo.

kwizahluko

1 2 3 4 5 6 7 8 9 10 11 12 13 14 15 16 17 18 19 20 21 22 23 24 25 26 27 28 29 30 31 32 33 34 35 36