Eyasentlango 2 XHO96

AmaSirayeli ngezindlu zawo

1 Nantsi imiyalelo eyanikwa uMosis noAron *nguNdikhoyo:

2 “Kolu hambo lwenu apho nimisa khona hlalani ngolu hlobo: Indoda nganye mayime kummandla wembasa yakowayo phantsi kwentshinga kayise. Ukuma kwawo amaSirayeli makajikeleze isibingelelo.

3-9 “Kwicala lasempuma kuya kuma abembasa yendlu kaJuda ngokwemizi yabo, bephantsi kweenkulu zabo, ngolu hlobo: Indlu Inkulu Inani AbakwaJuda uNashon ka-Aminadabhi 74 600 AbakwaIsakare uNataniyeli kaZuware 54 400 AbakwaZebhulon uEliyabhi kaHelon 57 400 Bebonke: 186 400 AbakwaJuda ke baya kusuka kuqala.

10-16 “Kwicala langasezantsi kuya kuma abembasa yendlu kaRubhen ngokwemizi yabo, bephantsi kweenkulu zabo, ngolu hlobo: Indlu Inkulu Inani AbakwaRubhen uElizure kaShedeyure 46 500 AbakwaSimon uShelumiyeli kaZurishadayi 59 300 AbakwaGadi uEliyasafu kaDuweli 45 650 Bebonke: 151 450 AbakwaRubhen ke baya kulandela.

17 “Ke bona abakwaLevi baya kuhamba bephethe intente *yesibingelelo. Baya kuhamba phakathi embindini wezi zindlu xa zizonke. Onke amaqela aya kuhamba kwangalaa ndlela abemi ngayo, iqela ngalinye phantsi kwembasa yalo.

18-24 “Kwicala lasentshona kuya kuma abembasa yendlu kaEfrayim ngokwemizi yabo, bephantsi kweenkulu zabo, ngolu hlobo: Indlu Inkulu Inani AbakwaEfrayim uElishama ka-Amihudi 40 500 AbakwaManase uGamaliyeli kaPedazure 32 200 AbakwaBhenjamin uAbhidan kaGidiyoni 35 400 Bebonke: 108 100 Kolo ludwe ke abakwaEfrayim boba ngabesithathu.

25-31 “Kwicala langasentla kuya kuma abembasa yendlu kaDan ngokwemizi yabo, bephantsi kweenkulu zabo, ngolu hlobo: Indlu Inkulu Inani AbakwaDan uAhizere ka-Amishadayi 62 700 Abakwa-Ashere uPagiyeli kaOkran 41 500 AbakwaNafetali uAhira kaEnan 53 400 Bebonke: 157 600 Kolu ludwe ke bona abakwaDan baya kuba ngumsila.”

32 Lilonke ke inani lamaSirayeli âbhalisáyo apho kuloo maqela laba ngamakhulu amathandathu anantathu amawaka anamakhulu amahlanu namashumi amahlanu.

33 Ngokomlomo kaNdikhoyo kuMosis bona abaLevi abakho kweli nani lamaSirayeli.

34 Ngoko ke amaSirayeli yonke into ayenza ngokwelizwi likaNdikhoyo kuMosis. Ayesima ngokweembasa zawo, aze ahambe ngokwemizi yawo.

kwizahluko

1 2 3 4 5 6 7 8 9 10 11 12 13 14 15 16 17 18 19 20 21 22 23 24 25 26 27 28 29 30 31 32 33 34 35 36