Eyasentlango 21 XHO96

Ukoyiswa kwamaKanana

1 Ke kaloku ukumkani waseAradi, umKanana, owayemi emazantsi eKanana, wathi akuva ukuba amaSirayeli ayeza ngendlela esinga eAtarim, wawahlasela, wada wawathimba amanye.

2 AmaSirayeli ke asuka enza isifungo *kuNdikhoyo, athi: “Ukuba usiphile amandla, saboyisa abo bantu, inene siya kubatshabalalisa ngokupheleleyo ndawonye nezixeko zabo.”

3 Ngenene ke uNdikhoyo waweva amaSirayeli, waza wawanceda awoyisa awatshabalalisa tu amaKanana ndawonye nezixeko zawo. Loo ndawo ke ayithiya igama eliyiHoma.

Inyoka yobhedu

4 Ukumka kwawo kwintaba iHore amaSirayeli ahamba ngendlela esinga kuLwandle oluBomvu, khon' ukuze bawucezele umhlaba wamaEdom. Endleleni ke apho amaSirayeli akruquka,

5 aza amkhalazela uThixo ndawonye noMosis, athi: “Kwakutheni kakade ukuze usikhuphe eJiputa, sizokufela kule ntlango? Akukho kutya namanzi apha! Okokwayo ke yona le nkatshu-nkatshu isikruqule!”

6 Ke *uNdikhoyo wawathumela isibetho seenyoka ezinobuhlungu, zawaluma amaSirayeli, kwafa amaninzi.

7 AmaSirayeli ke athi akuqonda ukuba enze imposiso, aya kuMosis, avuma athi: “Sonile ngokukrokrela uNdikhoyo ndawonye nawe. Khawusitarhuzisele, uNdikhoyo azisuse ezi nyoka.” Ngoko ke uMosis wawathandazela amaSirayeli.

8 UNdikhoyo ke wathi kuMosis: “Yenza umfanekiso wenyoka, uwuxhome esibondeni, khon' ukuze athi nabani na olunywe yinyoka akhangele kuyo, aphile.”

9 Ngenene ke uMosis wayenza inyoka ngobhedu, wayixhoma esibondeni. Nabani na ke olunywe yinyoka wayekhangela apho kuloo nyoka yobhedu, atsho aphile.

Ukuya kwintili yamaMowabhi

10 AmaSirayeli ke anduluka, aya kumisa eObhoti.

11 Nalapha ke anduluka, aya kutsho kwi-Iye-abharim kwintlango esempuma yomhlaba wamaMowabhi.

12 Ukusuka apho ke aya kumisa kwintili yaseZerede.

13 Ukuphuma apha ke aya kumisa kwicala elingentla komlambo iAnoni, kwintlango ehamba iyokuthi xhaxhe kumhlaba wama-Amori. Ke iAnoni le yayingumda owahlula amaMowabhi kuma-Amori.

14 Yiyo loo nto ke iNcwadi yamaDabi *kaNdikhoyo ithetha ngezi ndawo nje:“Idolophu iWahebhi kwingxingwa kaSufa;umlambo iAnoni,

15 namathambeka eentilieziyokuthi xhaxhe ngedolophu iAra,ukuya kuqhina kumda wamaMowabhi.”

16 Ukuphuma apho ke aya kufika kwindawo ekuthiwa kuseBhere. Lelaa qula ke eli apho uNdikhoyo wathi uMosis makawaqokelele amaSirayeli, azokuwapha amanzi.

17 Ngelo thuba ke amaSirayeli amemelela enjenje:“Khawutsabis' amanzi, qulandini!Ke thina sowamkela ngengoma.

18 Iqula elimbiwe ngamatshawe,elingumsebenzi wezikhulu zasebantwini;elimbiwe ngomsimbithi wasebhotwe,ngokunjalo neentonga zakhona.”Ukuphuma apho entlango ke baya kugaleleka eMatana;

19 baza ke ngokunjalo bagqitha eNahalile naseBhamoti,

20 bandula ke ukuya kufika kwintili ekumhlaba wamaMowabhi, phantsi kwentaba iPisga ekrobele umqwebedu.

Ukoyiswa kukaSihon no-Ogi

21 AmaSirayeli athumela izigidimi kuSihon ukumkani wama-Amori, athi:

22 “Sivumele sinqumle elizweni lakho. Asiyi kuphambukela emasimini okanye ezidiliyeni, okanye sisele amanzi emaquleni. Siya kuhamba ngqo ngohola, side siphume emhlabeni wakho.”

23 Kambe ke uSihon akavumanga ukuba amaSirayeli anqumle emhlabeni wakhe. Ndaweni yaloo nto waphuma nomkhosi wakhe, waya eJaza entlango, wawahlasela amaSirayeli.

24 Kodwa ke amaSirayeli alwa alalis' ugodo, aloyisa utshaba ada awuthimba umhlaba walo, ukusukela kumlambo iAnoni ngasentla, ukuya kwiJabhoko; lelama-Amon ke elo. Kaloku umda wama-Amon wawukhuselwe.

25 Ngoko ke amaSirayeli azithatha zonke izixeko zama-Amori, ngokunjalo neHeshbhon needolophu eziyingqongileyo, aza ema kuzo.

26 IHeshbhon le ke yayisisixeko esilikomkhulu likaSihon, ukumkani wama-Amori. Wayelwe nokumkani wamandulo waseMowabhi, waza wawuhlutha umhlaba wakhe ukuya kuma ngomlambo iAnoni.

27 Kuthe ke kwakuba nje zadanduluka iimbongi zathi:“Sangena ke thina boonomthina eHeshbhon,tsotsololo phakathi kwisixeko sikaSihon ukumkani!Hayi kambe, masisivuse sime ngeenyawo.

28 Andithi na kanene kwalapha kuwe, sixekondini Heshbhon,yayisakuphum' imikhosi kaSihon, ilenya njengomlilo?Yadangazela yaleny' isixekw' iAra kwaMowabhi,yazitshayel' iinduli ezingunozala weAnoni.

29 Mawoo! Lixubayele kuwe, Mowabhi!Banquli bakaKemoshe, aphelil' amahlathi!Kalok' ubayekil' oonyana bakhe baziimbacu,iintombi zangamaxhoba kaSihon, ukumkani wama-Amori.

30 Kunamhlanje nje isizukulwana sibhangilekusukela eHeshbhon kuye kuthi gaa ngeDibhon;sivuthulule eNofa,sada saya kuthi xhaxhe ngeMedebha.”

31 Aba ngaloo ndlela ke amaSirayeli ayawuma umhlaba wama-Amori.

32 UMosis wathumela iintlola, zaya kujonga indlela yokuhlasela isixeko iJazere. Ngenene ke amaSirayeli ayihlasela iJazere needoluphu eziyingqongileyo, bawagxotha ama-Amori awayemi apho kuzo.

33 Ke kaloku amaSirayeli ajika ajonga eBhashan. UOgi, ukumkani waseBhashan, waphuma nomkhosi wakhe, wawahlasela e-Edreyi.

34 *UNdikhoyo wathetha noMosis, wathi: “Ungaxhali wena; naye lo ndiza kumenza abe lixhoba lakho ndawonye nomkhosi nomhlaba wakhe. Qhuba kwangalaa ndlela wawenze ngayo kuSihon ukumkani wama-Amori owayehlala eHeshbhon.”

35 Ngoko ke amaSirayeli ambulala uOgi noonyana bakhe, ngokunjalo nabo bonke abantu bakhe, akashiya nempunde le. Ke wona loo mhlaba wakhe ema kuwo.

kwizahluko

1 2 3 4 5 6 7 8 9 10 11 12 13 14 15 16 17 18 19 20 21 22 23 24 25 26 27 28 29 30 31 32 33 34 35 36