Eyasentlango 35 XHO96

Iidolophu zabaLevi

1 Kuloo mathafa aseMowabhi phesheya kweJordan malunga neJeriko *uNdikhoyo wathetha noMosis, wathi:

2 “Xelela amaSirayeli ukuba kuloo mihlaba ayinikiweyo makahlulele abaLevi iidolophu ezithile ndawonye namadlelo azingqongileyo.

3 Zona ke zoba zezabaLevi, bahlale kuzo. Ke wona amadlelo oba ngawemfuyo yabo.

4 Amadlelo makasuke kwiindonga zesixeko abhekele phaya isithuba esingamakhulu amane anamashumi amahlanu eemitha macala,

5 khon' ukuze ubekho ummandla olinganayo ongamakhulu asithoba eemitha ngapha nangapha, isixeko sona siphakathi.

6 AbaLevi ze nibanike iidolophu zibe ntandathu, apho umntu angabalekela khona xa abulele omnye ngengozi. Ngaphezu koko ke banikeni ezinye iidolophu zibe ngamashumi amane anambini

7 ndawonye namadlelo azo, ukuze ke zibe ngamashumi amane anesibhozo zizonke.

8 Inani leedolophu ezinikwa abaLevi kwindlu nganye loxhomekeka kubungakanani bomhlaba waloo ndlu. Kweneedolophu ezininzi phungula kakhulu; kweneedolophu ezimbalwa phungula kancinci.”

Iidolophu zokuphephela

9 *UNdikhoyo wathetha noMosis,

10 wathi makathethe namaSirayeli, athi: “Nakuba niyiwelile iJordan nangena kwelaseKanana,

11 ze nimise iidolophu apho umntu angabalekela khona xa ebulele omnye ngengozi.

12 Xa elapho ke woba usindile kwimpindezelo yesizalwana sikamfi. Umntu otyholwa ngokubulala omnye akufuneki abulawe lingakhange lithethwe enkundleni ityala lakhe.

13 Khethani iidolophu zokuphephela zibe ntandathu,

14 zibe ntathu ngaphesheya empuma yomlambo iJordan, zibe kwantathu nganeno kwelaseKanana.

15 Ezi dolophu zoba yindawo yokubalekela kumaSirayeli, kanti nakwiintlanga ezingabangeneleli okanye abemi. Nabani na ke obulele umntu ngengozi woba nokubalekela kwenye yazo.

16-18 “Kambe ke yena umntu obulele omnye esebenzisa isixhobo esiyintsimbi, ilitye, okanye umthi, woba netyala lokubulala, isigwebo sakhe ibe kukubulawa.

19 Uxanduva lokubulala isigwinta eso loba phezu kwesizalwana esingumphindezeli. Apho sisifumene khona masisibulale eso sigwinta.

20 “Ukuba umntu unomntu amzondayo waza wambulala ngokumeyelisela, ukumgibisela ngento, okanye ukumlalela,

21 noba kukumbetha ngamanqindi, loo mntu unetyala lokubulala, makabulawe. Uxaduva lokubulala eso sigwinta loba kwisizalwana esingumphindezeli womfi lowo; ngoko ke masisibulale apho sisifumene khona.

22 “Kambe ke ukuba umntu ubulele omnye ngengozi, kungengakuba ebemzonda, noba umbulele ngokumeyelisela okanye ukumgibisela ngento,

23 okanye mhlawumbi umntu ubethe omnye ngelitye engamboni, engenazinjongo, engelulo natshaba lwakhe,

24 kwimeko enjalo ityala maligwetywe yinkundla, nayo ke igwebele lo ubuleleyo, ingesiso isizalwana sikamfi esifuna impindezelo.

25 Inkundla mayimhlangule umbulali lowo kwisizalwana sikamfi; makabuyiselwe kwakuloo dolophu ebephephele kuyo. Umbulali lo ke makahlale apho kude kufe loo mntu ungumbingeleli omkhulu kwelo thuba, lowo uthanjiswe ngamafutha angcwele.

26 Kambe ke ukuba umbulali lowo umkile apho kuloo dolophu ebephephele kuyo,

27 waza ke wabhaqwa, wabulawa sisizalwana sikamfi, eso senzo sempindezelo asilotyala lakubulala.

28 Loo mntu ubuleleyo makahlale apho kuloo dolophu yokuphephela kude kufe umbingeleli omkhulu; emva koko ke angagoduka.

29 Le mimiselo ke iya kubopha nina nezizukulwana zenu noba seniphi na.

30 “Umntu otyholwa ngokubulala angáfunyanwa enetyala aze abulawe kuphela xa kukho amangqina; ke lona ingqina elinye alanele ukuxhasa isityholo sombulali.

31 Isigwinta masibulawe. Mayingamkelwa intlawulo yokusindisa ubomi baso.

32 Ukuba umntu ubalekele kwidolophu yokuphephela makangavunyelwa akhuphe intlawulo khon' ukuze abe nokugoduka engekafi umbingeleli omkhulu.

33 Ze ningalifaki *umlaza ilizwe lakowenu. Kaloku ubugwinta buyalingcolisa ilizwe. Ibe ke ucamagushelo alunakwenzelwa ilizwe ekuphalazwe igazi kulo, ngaphandle kokuba kuphalazwe igazi lesigwinta eso.

34 Ningaze nilifake umlaza ilizwe enihlala kulo; kaloku mna ndinguNdikhoyo, ndihlala phakathi kwabantu bam amaSirayeli.”

kwizahluko

1 2 3 4 5 6 7 8 9 10 11 12 13 14 15 16 17 18 19 20 21 22 23 24 25 26 27 28 29 30 31 32 33 34 35 36