Eyasentlango 27 XHO96

Iintombi zikaZelofehadi

1 UMala, uNowa, uHogela, uMilika, noTiza, ziintombi zikaZelofehadi unyana kaHefere, kaGiliyadi, kaMakire, kaManase. Ngoko ke ziintombi zakwaManase unyana kaJosefu.

2 Ke zona zaya kuMosis noElazare umbingeleli, benamadoda amakhulu ndawonye noSirayeli ephela. Babehlanganisene esangweni *lesibingelelo.

3 Zafika zathi: “Utata wafela entlango engazalanga nyana. Akadibananga neqela likaKora elavukela *uNdikhoyo, koko yena wafela isono sakhe.

4 Ngani ukuba igama likabawo liduke kwaSirayeli ngokuba wayengenanyana? Sincede usinike isabelo nathi phakathi kwamawethu.”

5 Lo mcimbi uMosis wawusa kuNdikhoyo,

6 waza ke yena wathi:

7 “Iintombi zikaZelofehadi zenze isicelo esifanelekileyo, ngoko ke mazinikwe isabelo phakathi kwamawazo. Ilifa likayise maliwele kuzo.

8 “Yithi ke kumaSirayeli: ‘Xa indoda ife ingenanyana, ilifa layo malityiwe yintombi yayo.

9 Ukuba ke ayinantombi, ilifa layo loba lelabantakwayo.

10 Xa kuthe kanti ayinabantakwayo, ilifa malibe lelooyisekazi.

11 Kambe ke ukuba ayinabantakwayo nayisekazi, ilifa elo malinikwe nabani na osesona sizalwana sayo sisondeleyo. Eli siko ke amaSirayeli makalithobele njengomqathango ongundoqo, alenze njengoko ndikuyaleleyo mna Ndikhoyo.’ ”

Ukunyulwa kukaYoshuwa

12 *UNdikhoyo wathetha noMosis, wathi: “Nyuka uqabele intaba iAbharim, ulijonge ulibuke elo lizwe ndiza kulinika amaSirayeli.

13 Wakuba ulibonile ke, nawe uza kufa kwanjengoAron umntakwenu.

14 Kaloku nobabini nawuvukela umyalelo wam kwintlango iZin. Wathi uSirayeli akundikhalazela ngenxa yemeko yamanzi eMeribha nina nala ukusiphuhlisa isihomo samandla am phambi kwakhe.” (IMeribha ke ngumthombo oseKadeshe kwintlango iZin.)

15 Ke kaloku uMosis wathetha wenjenje:

16 “Ndikhoyo, Thixo wam, wena mthombo wobomi, nceda utyumbe indoda eya kulikhokela ibandla lakho,

17 enako ukungena iphuma ilikhokela, khon' ukuze usapho lwakho lungafani neegusha ezingenamalusi.”

18 UNdikhoyo wayalela uMosis wathi: “Thatha uYoshuwa unyana kaNune, oyindoda endiyixhobise ngoMoya wam, ummisele ngokumbeka izandla.

19 Biza uSirayeli ephela, nombingeleli uElazare, uze uYoshuwa ummisele angene ezihlangwini zakho apho phambi kwabo.

20 Mahlulele amagunya akho, khon' ukuze ibandla lonke limthobele.

21 Ke yena uya kuxhomekeka kumbingeleli uElazare, kuba kaloku yena intando yam uya kuyaziswa *ziiurim neethumim. Ngale ndlela baya kubhexeshwa nguElazare kuyo yonke imicimbi yabo.”

22 Ke uMosis wenza ngokomyalelo kaNdikhoyo. UYoshuwa wammisa phambi kombingeleli uElazare ndawonye nebandla loonyana bakaSirayeli.

23 Ngokunjalo uMosis wambeka izandla uYoshuwa, wammisela ukuba angene ezihlangwini zakhe ngokwelizwi likaNdikhoyo.

kwizahluko

1 2 3 4 5 6 7 8 9 10 11 12 13 14 15 16 17 18 19 20 21 22 23 24 25 26 27 28 29 30 31 32 33 34 35 36