Eyasentlango 12 XHO96

Isohlwayo sikaMiriyam

1 Ke kaloku uMosis wayethathe umKushekazi, kwaza ngenxa yeso sizathu uMiriyam noAron bamgxeka.

2 Babesithi: “*UNdikhoyo ngaba uthethe ngomlomo kaMosis kuphela na? Kanene akathethanga na nathi?” Kambe ke uNdikhoyo wakuva oku kuthetha kwabo. (

3 Lo mfo unguMosis ke wayelilulama, kungekho mntu ufika kuye ngokuthoba ehlabathini liphela.)

4 UNdikhoyo wathetha ngoko nangoko noMosis noAron noMiriyam, wathi: “Yiyani phaya *esibingelelweni nobathathu.” Ngenene ke baya,

5 waza uNdikhoyo wehla ngelifu, waya kuma esangweni lesibingelelo. Wasuka ke wabiza uAron noMiriyam. Bakuba bezile ke,

6 uNdikhoyo wathi: “Phulaphulan' apha! *Kumshumayeli onokubakho phakathi kwenu ndizibonakalisa ngemibono, ndithethe naye ngamaphupha.

7 Akunjalo ke kodwa kwisicaka sam uMosis; yena lithenjwa kwindlu yam iphela.

8 Ngoko ke yena ndithetha naye ubuso ngobuso, hayi ngezangotshe. Ewe, mna ngokwam ndiyazibonakalisa kuye. Hee! Ngani ke ukuba ningoyiki ukuthetha kakubi ngesicaka sam uMosis?”

9 Hayi ke, wavutha uNdikhoyo ngumsindo, wabashiya.

10 Lithe ke lona liphuma ilifu apho esibingelelweni waye uMiriyam selemhlophe wé sisifo solusu esikhwankqisayo. UAron uthe akumjonga wafumanisa ukuba simbophile esi sifo.

11 Kwangoko ke wajikela kuMosis, wambongoza wathi: “Camagu, nkosi yam! Ndiyakuthandaza; musa ukukhathazeka ngenxa yobutyhakala esibenzileyo.

12 Nqanda angade abe ngathi yinto ezelw' ifile selineenyama ezonakeleyo.”

13 Kwangoko ke uMosis wadanduluka kuNdikhoyo, wathi: “Camagu, Thixo wam, ndiyakubongoza, khawumphilise!”

14 UNdikhoyo waphendula wathi: “Andithi ebengáthi ekhe watshicelwa nguyise ebusweni anyeliseke iintsuku ezisixhenxe? Nangoku ke makakhutshelwe ngaphandle kwebandla lakwaSirayeli iintsuku ezisixhenxe; emva koko ke aphinde abuye.”

15 Ngenene ke uMiriyam wakhutshelwa ngaphandle komzi wamaSirayeli iintsuku zasixhenxe. AmaSirayeli ke akhe alinda apho kuloo ndawo wada uMiriyam wabuyiselwa.

16 Kamva ke anduluka apho eHazeroti, aya kugaleleka kwintlango yaseParan.

kwizahluko

1 2 3 4 5 6 7 8 9 10 11 12 13 14 15 16 17 18 19 20 21 22 23 24 25 26 27 28 29 30 31 32 33 34 35 36