Eyasentlango 25 XHO96

AmaSirayeli anqula izithixo ePehore

1 AmaSirayeli athi xa ayemise kwintili yeShitim, asuka arheletya neentokazi zamaMowabhi.

2 AmaMowabhikazi amema amaSirayeli ukuba aye kwizidlo zamadini awayesenzelwa *izithixo zamaMowabhi. AmaSirayeli akutya oko kutya, amnqula

3 uBhali wasePehore. Ngoko ke *uNdikhoyo wavutha ngumsindo,

4 waza wathi kuMosis: “Thatha iinkokheli zamaSirayeli, uzibulale, uzixhome esidlangalaleni phambi *kwesibingelelo, khon' ukuze udambe umsindo wam ngakumaSirayeli.”

5 Ke kaloku uMosis wathi kwizikhulu zakwaSirayeli: “Ngamnye kuni makabulale amawabo azibandakanye noBhali wasePehore.”

6 Omnye umSirayeli wathatha umMidiyanikazi, wangena naye kwakhe, ebonwa nguMosis nangamaSirayeli ephela, ngexesha awayesazilile esesangweni lesibingelelo.

7 Uthe akuyibona le nto uPineyasi, unyana kaElazare, umzukulwana wombingeleli uAron, wee sululu, wemka apho kuloo ndibano, wathatha umkhonto,

8 walandela loo ndoda naloo mfazi, wangena apho ententeni, wabinza ngomkhonto, wabadibanisa bobabini. Ngaloo ndlela ke ubhubhani owayephethe amaSirayeli wanqamka.

9 Kambe ke wayeselesube wabulala abantu abangamashumi amabini anane amawaka.

10 *UNdikhoyo wathi kuMosis:

11 “Ngenxa yale nto yenziwe nguPineyasi, umsindo wam uthothile ngakumaSirayeli. Kaloku yena ngenxa yenzondelelo yakhe usiphuhlisile isidima sam ebandleni, ndaza ke ngoko andalitshabalalisa.

12 Ngoko ke mxelele ukuba ndenza naye umnqophiso wobudlelwane.

13 Yena ngokunjalo nenzala yakhe boba ngababingeleli abangasoze bathini. Kaloku yena ube nekhwele ngoThixo wakhe, waza ke ngaloo ndlela wamngxengxezela uSirayeli.”

14 Igama lomSirayeli owabulawa kunye nomMidiyanikazi yayinguZimri, unyana kaSalu, inkulu yomzi othile kwindlu kaSimon.

15 Lona igama lomfazi lowo yayinguKozibhi. Uyise uZure wayeyinkosi yezindlu ezithile zamaMidiyani.

16 UNdikhoyo wathi kuMosis:

17 “AmaMidiyani ziintshaba zenu; watshabalaliseni,

18 kuba abonise ubutshaba kuni ngokunikhohlisa, nangenxa kaKozibhi owabulawa mhla ngobhubhani obangwe sisithwakumbe sasePehore.”

kwizahluko

1 2 3 4 5 6 7 8 9 10 11 12 13 14 15 16 17 18 19 20 21 22 23 24 25 26 27 28 29 30 31 32 33 34 35 36