Eyasentlango 3 XHO96

Oonyana baka-Aron

1 Nantsi ke ingcombolo ngoonyana baka-Aron noMosis ngexesha *uNdikhoyo ethetha noMosis entabeni iSinayi.

2 UAron wayenoonyana abane: uNadabhi omkhulu, uAbhihu, uElazare, noItamare.

3 Bona ke bathanjiswa bamiselwa baba ngababingeleli.

4 Kambe ke bona ooNadabhi noAbhihu bafela apho kwintlango yeSinayi, ngenxa yokuba benikele ngomlilo ongafanelekanga kuNdikhoyo. Babengekabi nabantwana, ngoko ke uElazare noItamare baba kumsebenzi wobubingeleli ngexesha lika-Aron.

AbaLevi benziwa abaququzeleli bababingeleli

5 *UNdikhoyo wathi kuMosis:

6 “Thatha indlu kaLevi, uyimisele ibe ngabaququzeleli bombingeleli uAron.

7 AbaLevi mabasebenze *esibingelelweni, bancedise ababingeleli, bamele ibandla lamaSirayeli liphela.

8 Mabajongane nazo zonke izixhobo ezisetyenziswa esibingelelweni, wonke umsebenzi bewenzela amaSirayeli ephela.

9 Kuphela umsebenzi wabaLevi kukuba ngabaququzeleli baka-Aron noonyana bakhe.

10 UAron noonyana bakhe bamisele basebenze ezobubingeleli; nabani na ke ongomnye ophatha impahla yesibingelelo uya kubulawa.”

11 UNdikhoyo wathetha noMosis, wathi:

12-13 “Ngoku abakwaLevi ndibathathile; ngabam. Ekuwabulaleni kwam amazibulo amaJiputa ndazibekela bucala izibulo ngalinye lamaSirayeli ndawonye nawemfuyo yawo. Ngoku ke, endaweni yamazibulo amaSirayeli, ndibanga abakwaLevi; ngabam nqo. NdinguNdikhoyo kaloku.”

Ukubalwa kwabaLevi

14 Kwintlango yeSinayi *uNdikhoyo wathi kuMosis:

15 “Babale abaLevi ngokwezindlu nemizi yabo; ubhalise bonke abangamadoda, ukuqalela kubudala obuyinyanga enye nangaphezulu.”

16 Ke uMosis wayenza le nto.

17-20 ULevi ke wayenoonyana abathathu: uGershon, uKohati, noMerari. Ngabo ookhokho bezi zindlu zibizwa ngabo. UGershon yena waba noonyana ababini: uLibheni noShimeyi. Bona abakaKohati babebane: uAmram, uIzare, uHebron, noUziyeli. AbakwaMerari ke bona babebabini: uMali noMushi. Bona bangookhokho bezi zindlu zibizwa ngabo.

21 Indlu kaGershon ke imi ngemizi kaLibheni noShimeyi.

22 Bebonke ke abangamadoda ababudala buyinyanga nangaphezulu abâbhaliswáyo babengamawaka asixhenxe anamakhulu amahlanu.

23 Le ke yona indlu yema ngasentshona, ngasemva *kwesibingelelo.

24 Inkulu yayo yanguEliyasafu, unyana kaLayeli.

25 Owabo ke umsebenzi yayikukujongana nesibingelelo, isigqubuthelo saso sangaphakathi nesangaphandle, umkhusane wesango legumbi eliphakathi,

26 nomkhusane wenkundla, ngokunjalo nomkhusane weqonga lamadini, kunye nomkhusane wesango lenkundla, neentsontelo, nako konke okunxulumene nezi zinto.

27 Indlu kaKohati ke yona imi ngemizi ka-Amram, uIzare, uHebron, noUziyeli.

28 Bebonke ke abangamadoda ababudala buyinyanga nangaphezulu abâbhaliswáyo babesisibhozo samawaka namakulu amathandathu, bonke beququzelela esibingelelweni.

29 Le ke yona indlu yema kwicala langasezantsi lesibingelelo.

30 Inkulu yayo yayinguElizafan, unyana kaUziyeli.

31 Owabo umsebenzi yayikukujongana netyesi yomnqophiso, itafile, isiphatho-zibane, amaqonga, nezixhobo ezisetyenziswa ngababingeleli egumbini eliyingcwele, nomkhusane wokufihla igumbi eliyingcwele kangcwele. Ewe, babejongene nako konke okunxulumene nezi zinto.

32 Intloko yabaLevi ke yayinguElazare unyana ka-Aron umbingeleli. Yena wayengumveleli kwabo basebenza esibingelelweni.

33 Ke yona indlu kaMerari imi ngemizi kaMali noMushi.

34 Bebonke ke abangamadoda ababudala buyinyanga nangaphezulu abâbhaliswáyo babengamawaka amathandathu namakhulu amabini.

35 Le ndlu ke yona yema ngasentla kwesibingelelo. Inkulu yayo yayinguZuriyeli unyana ka-Abhihayili.

36 Umsebenzi wabo yaba kukujongana nesakhelo sesibingelelo, imiqobo, iintsika, iziseko, nazo zonke izixhobo zaso. Ewe, babejongene nako konke okunxulumene nezi zinto.

37 Ngokunjalo babejongene nezibonda, iintsika, izikhonkwane, neentsontela zenkundla.

38 Ke yena uMosis noAron noonyana bakhe bema phambi kwesibingelelo ngasempuma. Umsebenzi wabo yayikukubusa ngaphakathi egumbini eliyingcwele, bemele amaSirayeli. Nabani na ongomnye owenza lo msebenzi wabo uya kubulawa.

39 Lilonke inani labaLevi abudala buyinyanga nangaphezulu abathi babhaliswa nguMosis ngokwelizwi likaNdikhoyo laba ngamashumi amabini anambini amawaka.

AbaLevi bangena endaweni yoonyana bamazibulo

40-41 *UNdikhoyo wathi kuMosis: “Onke amazibulo angoonyana bamaSirayeli ngawam. Ngoko ke wabhalise onke amazibulo angoonyana bamaSirayeli abudala buyinyanga nangaphezulu. Kambe ke endaweni yawo ndibanga bonke abaLevi – ndinguNdikhoyo kaloku! Ngokunjalo nasendaweni yamazibulo eenkomo zamaSirayeli ndibanga zonke iinkomo zabaLevi.”

42 UMosis ke wawuthobela lo myalelo kaNdikhoyo, wawabala onke loo mazibulo

43 abudala buyinyanga nangaphezulu, aza aba ngamashumi amabini anambini amawaka anamakhulu amabini namashumi asixhenxe anantathu.

44 UNdikhoyo wayala uMosis wathi:

45 “Ngoku ke babekele bucala ubamisele abaLevi, babe ngabam, bathathe indawo yoonyana bamazibulo bamaSirayeli. Ngokunjalo ke neenkomo zabaLevi mazithathe indawo yamazibulo eenkomo zamaSirayeli.

46 Amazibulo angoonyana bamaSirayeli athe kratya ngamakhulu amabini anamashumi asixhenxe anantathu kubaLevi; eli nani badlula ngalo ke malihlawulelwe.

47 Kweli nani ke unyana ngamnye makahlawulelwe iisiliva ezintlanu ngokomlinganiselo ovunyiweyo.

48 Le mali ke mayinikwe uAron noonyana bakhe.”

49 Ngoko ke uMosis wayiqokelela imali yokhululo yokukhulula abo babegqithile kwinani labakhululwe ngabaLevi.

50 Waqokelela iisiliva eziliwaka elinamakhulu amathathu namashumi amathandathu anantlanu. Le mali uyithathe kuwo onke amazibulo,

51 waza wayinikezela kuAron noonyana bakhe njengoko wayeyalelwe nguNdikhoyo.

kwizahluko

1 2 3 4 5 6 7 8 9 10 11 12 13 14 15 16 17 18 19 20 21 22 23 24 25 26 27 28 29 30 31 32 33 34 35 36