Eyasentlango 33 XHO96

Ukusuka eJiputa ukuya eMowabhi

1 Le yimbali echaza ngeendawo awathi emisa kuzo ngokwezindlu zawo amaSirayeli ukuphuma kwawo eJiputa ekhokelwa nguMosis noAron.

2 Ngokuyalelwa *nguNdikhoyo ke uMosis wawabhala amagama eendawo abathi bemisa kuzo.

3 AmaSirayeli anduluka eJiputa ngomhla weshumi elinesihlanu kwinyanga yokuqala enyakeni, kusuku olulandela *iPasika, aphuma engafihlakalanga eRamesi, ekhokelwa nguNdikhoyo, ebonwa ngamaJiputa

4 awayexakeke kukungcwaba oonyana bawo abangamazibulo ababebulewe nguNdikhoyo. Ngesi senzo ke uNdikhoyo wazicacisa ukuba ungumakhonya *nakoothixo bamaJiputa.

5 Ukunduluka kwawo eRamesi amaSirayeli aya kumisa eSukoti;

6 aza ukuphuma kwawo apho emisa e-Etam ekungeneni kwentlango.

7 Ukusuka kwawo ke apho aphindela ePi-hahiroti kwimpuma yeBhali-zefon, aza emisa ngaseMigdoli.

8 Ayishiya iPi-hahiroti, awela uLwandle oluBomvu, angena kwintlango yase-Etam; aza ke athi emva kweentsuku ezintathu aya kugaleleka emisa eMora.

9 Ukunduluka kwawo apho ke aya kumisa e-Elim, kuba khona kwakukho imithombo yamanzi elishumi elinambini nemithi yesundu engamashumi asixhenxe.

10 Ukushiya kwawo iElim aya kumisa ngakuLwandle oluBomvu.

11 Nalapho aphuma aya kungena kwintlango yeSin.

12 Akuphuma apho aya kumisa eDofeka

13 naseAlushe.

14 Kamva ke aya kutsho eRefidim, apho afika engekho amanzi okusela.

15-37 Ukuphuma kwawo eRefidim esiya kwintaba iHore, emisa kwezi ndawo zilandelayo: kwintlango iSinayi, iKibroti-hatava, iHazeroti, iRitema, iRimon-pereze, iLibhena, iRisa, iKehelata, intaba iShefere, iHarada, iMakeloti, iTahati, iTera, iMiteka, iHashemona, iMoseroti, iBhene-yakan, iHori-hagidegadi, iYotebhata, iAbrona, iEziyon-gebhere, eKadeshe kwintlango yeZin, nangakwintaba iHore emideni yase-Edom.

38-39 Ke kaloku ngokuyalelwa nguNdikhoyo umbingeleli uAron waqabela kwintaba iHore. Ke yena wafela apho ngomhla wokuqala kwinyanga yesihlanu kunyaka wamashumi amane amaSirayeli andulukayo eJiputa. Wayeneminyaka elikhulu elinamashumi amabini anantathu walibonayo ilanga.

40 Ke kaloku ukumkani waseAradi owayekumazantsi eKanana weva ngokuza kwamaSirayeli.

41-49 Ukuphuma kwintaba iHore, ukuya kumathafa aseMowabhi amaSirayeli emisa kwezi ndawo zilandelayo: eZalmona, ePunon, eObhoti, eIye-abharim emdeni womhlaba waseMowabhi, eDibhon yakwaGadi, eAlmon-diblatayim, kwintaba iAbharim, ngakwintaba iNebho, nakumathafa aseMowabhi phesheya kweJordan malunga neJeriko phakathi kweBhete-yeshimoti neentili zeShitim.

Iziyalo phambi kokuwela iJordan

50 Ke kaloku kwathi xa alapho kuloo mathafa aseMowabhi phesheya kweJordan malunga neJeriko, *uNdikhoyo wanika uMosis le miyalelo,

51 wathi makayigqithisele kumaSirayeli, wathi: “Nakuyiwela iJordan, ningene kwelaseKanana,

52 ze nibakhuphe nibagxothe abemi bakhona. *Izithixo zabo ezenziwe ngobhedu nangamatye ze nizitshabalalise ndawonye neendawo abanqulela kuzo.

53 Ze nime nizinze kuloo mhlaba wabo, kuba niwuphiwa ndim.

54 Loo mhlaba wabo ze niwahlula-hlulele izindlu nemizi yenu *ngamaqashiso; imizi leyo ke ze niyabele ngokobubanzi bayo.

55 Kambe ke ukuba anibagxothanga bonke abemi balo, abo baseleyo boba yinkathazo njengeliso eliphandliweyo kuni, okanye kufane nokuba nihlatywe ngameva; ewe, bojika banilwe.

56 Ngaphezu koko ke ukuba anibagxothanga ndonitshabalalisa njengoko ndandizimisele ukutshabalalisa bona kakade.”

kwizahluko

1 2 3 4 5 6 7 8 9 10 11 12 13 14 15 16 17 18 19 20 21 22 23 24 25 26 27 28 29 30 31 32 33 34 35 36