Eyasentlango 17 XHO96

Intonga ka-Aron

1 *UNdikhoyo wathi kuMosis:

2 “Thetha namaSirayeli, uthathe iintonga zibe lishumi elinambini kwiinkokheli zakwaSirayeli; ibe nye intonga kwindlu nganye. Kwintonga yenkokheli nganye bhala igama layo,

3 uze ubhale igama lika-Aron kwintonga yendlu kaLevi. Ngoko ke inkokheli yendlu nganye yoba nentonga yayo.

4 Zithathe ezo ntonga, uye nazo *esibingelelweni, uzibeke phambi kwetyesi enobungqina bomnqophiso apho ndidibana khona nani.

5 Intonga yendoda endiyinyulileyo iya kuntshula amagqabi. Ngaloo ndlela ke ndiya kuluphelisa uzenge-zenge lwezikhalazo zamaSirayeli ngakuwe.”

6 Ngenene ke uMosis wayalela amaSirayeli ukuba inkokheli nganye imnike intonga; zaza ke zenjenjalo. Inkokheli yendlu nganye yakhupha intonga; zaza ke zaba lishumi elinambini zizonke, neka-Aron ikwalapho.

7 Xa zizonke ezo ntonga ke uMosis wangena nazo esibingelelweni, wazibeka phambi kukaNdikhoyo.

8 Ngengomso ke uMosis akungena esibingelelweni wafumanisa ukuba intonga ka-Aron, emele indlu kaLevi, intshule amagqabi. Ewe, yantshula yanamathupha, yaza yavelisa neentyatyambo ngokunjalo neziqhamo zealmondi!

9 UMosis ke wazithatha zonke ezo ntonga, waphuma nazo, wazibonisa amaSirayeli. Ke wona ayibona into eyenzekileyo, yaza ke yayileyo inkokheli yathatha eyayo.

10 UNdikhoyo wayalela uMosis ukuba athathe intonga ka-Aron, ayibeke kwaphambi kwetyesi yomnqophiso. Watsho esithi mayigcinwe apho, khon' ukuze ibe sisikhumbuzo kumaSirayeli agwayimbayo, khon' ukuze ayeke ukukhalaza, hleze afe.

11 UMosis ke wenza ngokwaloo myalelo kaNdikhoyo.

12 AmaSirayeli ke athi kuMosis: “Xa kuyiloo nto ke sifile; kuphelile kuthi!

13 Nomntu othe cakatha nje ukusondela esibingelelweni uza kufa. Ngaba ke siza kufa sonke?”

kwizahluko

1 2 3 4 5 6 7 8 9 10 11 12 13 14 15 16 17 18 19 20 21 22 23 24 25 26 27 28 29 30 31 32 33 34 35 36