Eyasentlango 5 XHO96

Abantu abanomlaza

1 *UNdikhoyo wathi kuMosis:

2 “Xelela amaSirayeli abakhuphele ngaphandle bonke abantu abanesifo solusu esisulelayo, nabophayo, noba *ngabanomlaza kukuphatha isidumbu.

3 Bonke *abagqwaliseke ngolu hlobo mabakhutshelwe ngaphandle kwelali apho nam ndihlala kunye nawo.”

4 Ngenene ke amaSirayeli ayenza le nto, abakhuphela phandle bonke abo bantu, njengoko uNdikhoyo wayalela uMosis.

Intlawulo

5 *UNdikhoyo wanika uMosis

6 le miyalelo, wathi makayigqithisele kumaSirayeli, athi: “Nabani na, indoda okanye ibhinqa, obonakalisa ukunganyaniseki kuNdikhoyo ngokona omnye,

7 makayivume loo nto imbi ayenzileyo, akhuphe intlawulo ngokuzeleyo. Ngaphezu koko ke uya kukhupha nesiqingatha sesihlanu, naso asinike umntu lowo amonileyo.

8 Kambe ke ukuba umntu lowo akasekho, ibe ke kungekho nesalamane ekungahlawulwa kuso, kofuneka inikezelwe kuNdikhoyo, ibe yeyombingeleli. Le ntlawulo ke yongeza kulaa nkunzi yegusha kwenziwa ngayo idini lokucamagushela loo mntu unetyala.

9 Wonke umnikelo owodwa okhutshwa ngamaSirayeli, ewunikela kuNdikhoyo, unenxaxheba eyeyababingeleli.

10 Umnikelo wona ngowalowo unikelayo, kambe inxaxheba yeyababingeleli.”

Abafazi abanamadoda anobukhwele

11 *UNdikhoyo wathetha noMosis,

12-14 wathi makayalele amaSirayeli, athi: “Kungenzeka ukuba indoda isole umkayo, imkrokrela ukuba unento yokwenza nenye indoda, kodwa yona ibe ingaqinisekanga, kuba umcimbi lowo ungathiwanga pahaha, futhi ke ingenangqina nabungqina buphathekayo, njengoko engabanjwanga umfazi lowo. Mhlawumbi kungenzeka ukuba indoda leyo ibinamagxa nje, kungekho nanto ibitheni ayenzileyo umfazi lowo.

15 Nokuba kuyiyiphi na imeko, indoda leyo iya kumthatha umfazi lowo, iye naye kumbingeleli. Kananjalo iya kuphatha ikhilogram enye yomgubo werhasi oyimfanelo yedini; kambe ke ayiyi kuwugalela mafutha nasiqhumiso, kuba ulidini elikhutshwa yindoda enobukhwele, umnikelo wokuphanda inyaniso.

16 “Umbingeleli ke uya kumthatha umfazi lowo, ammise *esibingelelweni phambi koNdikhoyo.

17 Uya kuthatha amanzi awodwa, awagalele engqayini, aze akhe umhlaba apho phantsi esibingelelweni, awugalele kuloo manzi, ukuze akrakre.

18 Uya kusuka ke azikhulule iinwele zomfazi lowo, amnike loo mgubo womnikelo, awuphathe ngesandla. Ke yena umbingeleli uya kuphatha laa ngqayi inamanzi akrakrayo azisa ishwangusha kumntu onetyala.

19 Umbingeleli ke uya kumfungisa umfazi lowo esithi: ‘Ukuba kuthe kanti awukhange ube nanto yakwenza nandoda yimbi, uza kuba msulwa kwishwangusha eliziswa ngala manzi.

20 Kambe ke ukuba ngenene ukrexezile,

21 wanga uNdikhoyo angalenza isiqalekiso igama lakho phakathi kwamawenu. Wanga ungahlala uphuma isisu, okanye uNdikhoyo akubethe ngegalimoya.

22 Ngenene akwaba la manzi aya kusitsho isisu sakho sibe negalimoya, okanye uhlale uphuma isisu.’“Umfazi lowo ke uya kuphendula athi: ‘Makube njalo.’

23 “Umbingeleli ke uya kusibhala esi siqalekiso, aze aphinde awuhlambe umbhalo lowo, ungene kulaa ngqayi inamanzi akrakrayo.

24 Emva kokuba umbingeleli emseze umfazi lowo la manzi anokumenza aphathwe ngamahlaba,

25 uya kuthatha laa mgubo womnikelo usesandleni sakhe, awuwanga-wangise phambi koNdikhoyo, awubeke kwiqonga lamadini.

26 Uya kukha kuwo ngesandla atshise inxenye yawo apho eqongeni. Ekugqibeleni ke uya kuseza umfazi lowo awafince loo manzi.

27 Ukuba ke kuthe kanti ngenene umfazi lowo ukrexezile, amanzi lawo aya kumtsho abe namahlaba, abe negalimoya, okanye aphume isisu. Ewe, woba ngoqalekisiweyo phakathi kwamawabo.

28 Kambe ke, ukuba kuthe kanti umsulwa, akayi kwenzeka nto, futhi uya kuba nako ukufumana abantwana.

29-30 “Lo ke ngumthetho mayela nendoda enobukhwele, ekrokrela ukuba umfazi wayo uyakrexeza. Umfazi lowo uya kumiswa esibingelelweni phambi koNdikhoyo, umbingeleli ke awuqhube loo msebenzi.

31 Indoda ke yona iya kuba msulwa; kanti ke yena umfazi, ukuba ufumaniseke enetyala, uya kuvuna into abeyilimile.”

kwizahluko

1 2 3 4 5 6 7 8 9 10 11 12 13 14 15 16 17 18 19 20 21 22 23 24 25 26 27 28 29 30 31 32 33 34 35 36