Eyasentlango 34 XHO96

Imida yelizwe laseKanana

1 *UNdikhoyo wanika uMosis

2 le miyalelo, wathi makayigqithisele kumaSirayeli, athi: “Nantsi ke imida yelizwe laseKanana endinipha lona.

3 Umda wangezantsi uya kusuka kwintlango iZin, ubhijele kumda wase-Edom. Ngasempuma uya kuthatha kumazantsi oLwandle oluFileyo,

4 uhle ujonge kwinkalo yeAkrabhim, utyhutyhumeze ungene eZin, uyokuthi gaa ngeKadeshe-bhaneya. Ukuphuma apho uya kujonga emantla-ntshona, uye eHazare-adare, uphumele eAzemon,

5 apho uya kujika, ujonge kwiintili zemida yeJiputa, uyokuma ngolwandle olukhulu.

6 “Ngasentshona umda uya kuba lulwandle olukhulu.

7 “Ngasentla umda uya kusuka kulwandle olukhulu, uye kurheca intaba iHore,

8 uye kuthi xhaxhe kwinkalo yeHamati; uze ke uye kurheca iZedada

9 neZifron, uye kuthi gaa ngeHazare-enan.

10 “Owasempuma uya kuphuma eHazare-enan, uye kuthi xhaxhe ngeShefam.

11 Uya kuhla uye eRibhela kwimpuma yeAyin, utyhutyhumeze kwiinduli ezikwimpuma yonxweme loLwandle lwaseGalili;

12 uze ke wenjenjeya ukuhla ngomlambo iJordan, uye kuthi gaa ngoLwandle oluFileyo.“Yomine ke le yimida yelizwe lenu.”

13 UMosis ke waxelela amaSirayeli, wathi: “Nâlo ke ilizwe eniza kulizuza *ngamaqashiso, ilizwe elabelwe izindlu ezilithoba ezinesiqingatha *nguNdikhoyo.

14-15 Ke zona izindlu zikaRubhen, uGadi, kunye nesiqingatha sikaManase, zisifumene isabelo sazo ngokwemizi yazo ngaphesheya kwimpuma yeJordan malunga neJeriko.”

Iinjoli zomhlaba

16 *UNdikhoyo wayalela uMosis, wathi:

17 “Umbingeleli uElazare noYoshuwa unyana kaNune ngabo abaya kwabela amaSirayeli umhlaba.

18 Ngokunjalo ke khetha inkokheli ibe nye kwindlu nganye bancedise.

19-28 Nanga ke amagama eenkokheli ezo: Indlu Inkokheli KwaJuda uKalebhi unyana kaJefune KwaSimon uShemuweli unyana ka-Amihudi KwaBhenjamin uElidade unyana kaKiselon KwaDan uBhuki unyana kaJogeli KwaManase kaJosefu uHaniyeli unyana kaEfodi KwaEfrayim kaJosefu uKemuweli unyana kaShiftan KwaZebhulon uElizafan unyana kaParnaki KwaIsakare uPaltiyeli unyana ka-Azana Kwa-Ashere uAbhihudi unyana kaShelomi KwaNafetali uPedayeli unyana ka-Amihudi.”

29 Nango ke amadoda âmiswa nguNdikhoyo ukuba abele amaSirayeli umhlaba kwelaseKanana.

kwizahluko

1 2 3 4 5 6 7 8 9 10 11 12 13 14 15 16 17 18 19 20 21 22 23 24 25 26 27 28 29 30 31 32 33 34 35 36