49 “Xa ubala amadoda afanele imfazwe uze ungababandakanyi abaLevi.
50 Ndaweni yaloo nto bona uze ubamisele umsebenzi wesibingelelo. Kuya kuxhomekeka kubo ukufuduswa kwesibingelelo ndawonye nomsebenzi waso. Futhi ke apho simise khona siya kungqongwa kwangabo.
51 Nanini na nifuduka, isibingelelo sona siya kuxhomekeka kubaLevi. Ngabo abaya kusichitha xa nindulukayo, baze baphinde basakhe apho nimise khona. Ngoko ke umntu ongomnye osondela esibingelelweni makabulawe.
52 Amanye amaSirayeli la aya kuma ngokwezindlu zawo, amathile ephantsi kwembasa yawo.
53 Ke bona abaLevi ukuma kwabo baya kuphahla isibingelelo esiqulethe ubungqina bomnqophiso, basaluse, khon' ukuze kungabikho bani usondelayo kuso, avusele amaSirayeli umsindo wam.”
54 Ngenene ke amaSirayeli enza ngokomyalelo kaNdikhoyo kuMosis.