12 AmaSirayeli ke afuduka ev' endleleni, ayishiya intlango yeSinayi. Ke kaloku ilifu elo lahamba laza lafika lafukama kwintlango yeParan.
13 Aqala ke ngoku amaSirayeli ahamba ngamabanga ngokweziyalo *zikaNdikhoyo kuMosis.
14 Maxa onke amabutho awo ayehlala ebambe ucwangco, etsho ngomngcelele. Abokuqala yaba ngabaphantsi kwembasa yendlu kaJuda, bengamabutho ngamabutho, bekhokelwa nguNashon unyana ka-Aminadabhi.
15 Ke yena uNataniyeli, unyana kaZuware, wayekhokele indlu kaIsakare;
16 waza yena uEliyabhi, unyana kaHelon, wakhokela indlu kaZebhulon.
17 Yathi ke yakuncothulwa intente yesibingelelo yathathwa ngabaLevi bakwaGershon nakwaMerari, banduluka.
18 Kwaza ke kwanduluka abembasa yendlu kaRubhen bengamabutho ngamabutho, bekhokelwa nguElizure, unyana kaShedeyure.