15 Ke yena uNataniyeli, unyana kaZuware, wayekhokele indlu kaIsakare;
16 waza yena uEliyabhi, unyana kaHelon, wakhokela indlu kaZebhulon.
17 Yathi ke yakuncothulwa intente yesibingelelo yathathwa ngabaLevi bakwaGershon nakwaMerari, banduluka.
18 Kwaza ke kwanduluka abembasa yendlu kaRubhen bengamabutho ngamabutho, bekhokelwa nguElizure, unyana kaShedeyure.
19 Abendlu kaSimon bona bakhokelwa nguShelumiyeli, unyana kaZurishadayi;
20 baza abendlu kaGadi bakhokelwa nguEliyasafu, unyana kaDuweli.
21 Ke bona abaLevi bakwaKohati balandela bephethe ezingcwele zesibingelelo. Bathi befika apho kwakumiswe khona, saba isibingelelo sesimisiwe kwakhona.