20 baza abendlu kaGadi bakhokelwa nguEliyasafu, unyana kaDuweli.
21 Ke bona abaLevi bakwaKohati balandela bephethe ezingcwele zesibingelelo. Bathi befika apho kwakumiswe khona, saba isibingelelo sesimisiwe kwakhona.
22 Nabo abaphantsi kwembasa yendlu kaEfrayim banduluka, amabutho ngamabutho, bebhexeshwa nguElishama, unyana ka-Amihudi.
23 Kanti ke bona abendlu kaManase babephantsi kukaGamaliyeli, unyana kaPedazure;
24 baza abendlu kaBhenjamin bakhokelwa nguAbhidan, unyana kaGidiyoni.
25 Emva ke kwakungcambaza abo baphantsi kwembasa yendlu kaDan, bengamabutho ngamabutho, bebhexeshwa nguAhiyezere, unyana ka-Amishadayi.
26 Bona abendlu ka-Ashere babekhokelwa nguPagiyeli, unyana kaOkran;