23 Kanti ke bona abendlu kaManase babephantsi kukaGamaliyeli, unyana kaPedazure;
24 baza abendlu kaBhenjamin bakhokelwa nguAbhidan, unyana kaGidiyoni.
25 Emva ke kwakungcambaza abo baphantsi kwembasa yendlu kaDan, bengamabutho ngamabutho, bebhexeshwa nguAhiyezere, unyana ka-Amishadayi.
26 Bona abendlu ka-Ashere babekhokelwa nguPagiyeli, unyana kaOkran;
27 waza yena uAhira, unyana kaEnan, wakhokela indlu kaNafetali.
28 Nantso ke indlela owawusima ngayo umngcelele wamaSirayeli eluhambeni lwawo.
29 Ke kaloku uMosis wathetha noHobhabhi usibali wakhe ongunyana kaJetro waseMidiyan, wathi: “Ke ngoku, sibali, sekumbovu ukuba sinduluke sijonge ukuya kungena kwelo lizwe uNdikhoyo wathembisa ukusinika lona. Wasithembisa ukuba uSirayeli uya kuhluma. Ngoko ke hamba nathi, ukuze siyixhamle kunye loo nyhweba yenkqubela.”