31 UMosis wambongoza wathi: “Hayi kaloku, ungathini ukusishiya, inguwe nje oyaziyo le ntlango. Wena unako ukusikhokela, usibonise apho sifanele ukumisa khona.
32 Xa unokuhamba nathi siya kuyixhamla kunye inyhweba yentlala-kahle asibabala ngayo uNdikhoyo.”
33 Ukuyishiya kwawo amaSirayeli loo ntaba ingcwele, iSinayi, ahamba iintsuku ezintathu. Ke yona ityesi yomnqophiso kaNdikhoyo yayisoloko ihamba phambili, ibakhangelela indawo yokuphumla.
34 Nanini na benduluka ilifu likaNdikhoyo lalijinga phezu kwabo.
35 Xa iphumayo ityesi yomnqophiso uMosis wayedanduluka athi:“Hoyina, Ndikhoyo,vuka wenz' iziqwenga,uzichitha-chithe iintshaba zakho,ubaswantsulise abakuthiyileyo!”
36 Apho iphumla khona ke uMosis wayesithi:“Khawubuye, Ndikhoyo,ufukame phakathi kwamawaka-waka akwaSirayeli!”